Iinkomo zaseMakhanda, eMpuma Koloni zibulawa ngumnyiki.
Image: Farmer's Weekly
Umbutho wamafama uAgri Eastern Cape uthi uphando olwenziwe emva kokufa kweenkomo ezilikhulu kwifama ethile eMakhanda lubonisa ukuba ezi nkomo zibulewe ziintshulube.
"Ezi nkomo zifunyenwe zifile kwinkampi enye zineempawu ezibonisa ukuba zihlaselwe sisifo esifanayo," itsho ingxelo yeAgri Eastern Cape.
Ngaphambili bekukho isikrokro sokuba ezi nkomo zitye into ebulalayo engceni kwifama ezihlala kuyo, kodwa kamva kwafumaniseka ukuba kukho iimpawu zomnyiki. Uphando lokuqala malunga noku lwenziwe ngooGqirha bezilwanyana abathe bakrokrela ukuba ezi nkomo zibulewe kukutya ingca enetyhefu.
Amafama ayalunyukiswa ukuba aqaphele kuba iinkomo zidibana nalo mnyiki ngokutya uhlobo lwengca ebizwa ngokuba yiKikuyu nethi kamva inyukele esiswini senkomo ukuze ife ngokungxama.
"Iimpawu zokuba inkomo yakho itye ingca enalo mnyiki zibonakala ngokukhawuleza, ze emva koko iqalise ukuphelelwa ngamandla umzimba wayo usaphilile ungenangxaki," kutsho ingxelo yeAgri Eastern Cape.
Umbutho wamafama iAgri Eastern Cape ubukhuphe isilumkiso kumafama eMpuma Koloni emva kokuba kubonwe iimpawu zesi sifo kwingingqi yaseKwelera naseBerlin eMonti.
Amaphondo aquka uMntla Ntshona, Limpopo, Gauteng, Mpumalanga kwakunye neFreyistata nawo agagene nesi sifo.
"Xa umfama eqaphele ukuba kukho lo mnyiki enkampini ethile, kufuneka iinkomo azisuse kulo ndawo ngokukhawuleza, ukuze kamva abize uGqirha wezilwanyana ukuba aze kujonga ukuba azichaphazelekanga kusinina iinkomo ezo," kutsho iAgri Eastern Cape.