Entsimini

Ngumbhaki wodumo uNaledi Dhlomo

Siyabulela Mqikela|Published

UNaledi Dhlomo ngumbhaki ophum' izandla.

Image: Facebook

Ukubhaka izonka lelinye lamashishini alula ukulenza, kwaye kulula nokufunda iindlela zokubhaka ukuze ubani abe ngumbhaki ophume izandla.

UNaledi Dhlomo waseSoshanguve ePitoli uphilisa usapho lwakhe ngokubhaka, logama ezenzela imali ngokwenza iindidi zezonka.

Emva kokushiya emkhosini wamanzi weli loMzantsi Afrika, uDhlomo waqalisa ishishini lokubhaka waza walibiza ngokuba yiNyeleti Bakery. Baninzi abantu abangaphangeliyo kweli ekumele ukuba bafunde okuthile kuDhlomo ukuze bakwazi ukuziphilisa besenza imali ukuze baphile.

UNaledi Dhlomo ngumbhaki ophum' izandla.

Image: Facebook

"Ndifumene uqeqesho lokubhaka ngexesha bendisebenza kumkhosi wamanzi weli loMzantsi Afrika, yonke lento iqale ngelo xesha, kodwa akukhange kubelula ukuba ndibengulo mbhaki ndinguye namhlanje," ucacise watsho uDhlomo. 

Emva kokushiya emkhosini, usebenze imisetyenzana emincinci ngeenjongo zokuzenzela imali, kodwa uthi akuzange kuncede oko.

"Ndaye ndafaka isicelo sokuba ndifunde banzi ngokubhaka, kuba injongo yayikukukhulisa ulwazi lwam ngokuvelisa ezona zonka ziphambili kweli," uqhayise watsho uDhlomo. Waqhubeka ebhaka ethengisa logama eqhubeka nezifundo zakhe engavumi ukuphazanyiswa yinto.

"Ishishini lam liqalise ukuvela ngamandla ngexesha leKhorona, nangona kwakunzima ukuthengisa kodwa lelona xesha endifunde ukusebenza phantsi kweemeko ezinzima ngalo," utsho uDhlomo. Ishishini lakhe liqhuba kakuhle ngokuthengisela uluntu nokuthengisa kumashishini amancinci aseSoshanguve.