Iindlela zokukhusela imfuyo yakho kobu busika.
Image: iStock
Ixesha lasebusika lifikile mfama, kwaye liza neengxaki zalo ezihlala zibangela ingxaki kwimfuyo ngeendlela ezininzi. Ukhuseleko lwemfuyo yakho ngumsebenzi wokuqala ekufuneka uqinisekise ukuba uyawenza ngaphandle kweengxaki.
Kaloku le mfuyo yakho uchithe imali kuyo ngeenjongo zokuba ize ikwenzele imali kwixesha elizayo.
Ngoko ke, kumele ukuba ukulwe ukulahlekelwa yiyo nokuba kungaluphi na uhlobo, ngobusela, iintlekele zomlilo nezinye iingxaki, vala konke kungenzeki.
Ubusela bemfuyo yingxaki ephambili amafama ajongene nayo mihla le, kwaye oku kubangela ilahleko engenakulinganiswa nanto. Ngoko ke amacebo okuqala kumele ukuba ibengawokulwa ukubiwa kwemfuyo okuqhutywa ngamasela anamava nobuqili obubodwa. Amasela emfuyo aqala ngokwenza uphando olubanzi kakhulu xa eza kuthatha infuyo yakho, axhoba ngolwazi olaneleyo.
Oku kuthetha ukuba nawe kufuneka uhlale ukhangela ulwazi ngawo okanye uhlale uzivulile iindlebe zakho mfama. Ukubhalwa kwemfuyo yakho yenye yeendlela zokuqalisa ukwenza nzima umsebenzi wamasela. Imibhalo esezinkomeni zakho kumele ukuba uqinisekise ukuba iyacaca kwaye isemthethweni. Ukubiyela ifama yakho ngokucacileyo kubaluleke kakhulu nanjengoko kuncedisa ukuba imfuyo ingayabuli esithubeni, koko ihlale ivaleleke kwindawo enye.
Oku kwenza ukuba ukwazi ukuyibala, ukuyibona nokuqaphela ingxaki kwangaphambi kokuba iingxaki zongamele kwimfuyo yakho.
Ukubiyela kugqithisa umyalezo nakumasela ukuze acacelwe ukuba ngenene imfuyo yakho ikhathalelwe kwaye iphantsi kweliso elibukhali.
Yitshintshe indlela owenza ngayo izinto, musa ukwenza izinto ngohlobo olunye oko, sebenzisa amaxesha ahlukeneyo, iindlela zokuhamba ezahlukeneyo.
Oku kwenza ukuba amasela angakwazi ukuba usebenza njani, ngoko ke izicwangciso zawo ziyaphazamiseka mihla yonke. Umlilo yingxaki ephambili ebusika, cheba ingca ekufutshane necingo lakho ukuze imililo esuka kwezinye iifama ingangeni lula emhlabeni wakho.
Cheba ingca esecaleni kwendlela ekufutshane nefama yakho, kuba imililo emininzi iqalwa ngabantu abahamba endleleni. Ukubeka imehlo kwimfuyo amafama asebenzisa ubuxhakaxhaka bala maxesha obenza ukuba uzazi iindawo ezikuyo okanye icala ezibheka ngakulo.
Ukusebenzisa ikhamera yenye indlela yokuqinisekisa ukuba imfuyo yakho ikhuselekile, uyakwazi ukubona abantu nezilwanyana ezingena kwifama yakho.
Ukukhuselwa kwemfuyo kubandakanya ukwakhiwa kweeshedi ezifanelekileyo ukuze imfuyo ihlale kwindawo ekhuselekileyo xa kukho umlilo, ikhephu okanye ingqele.