Umfama uTshepiso Jantjies.
Image: Facebook
Umfama uTshepiso Jantjies ukhule ngamandla kwimveliso yakhe yokutya kwemfuyo okuquka amabhali, ilusini nengqolowa kangangokuba uthumela nakumazwe angabamelwane kweli.
Lo mfama ozinze kwiphondo laseMntla Ntshona wasungula inkampani ebizwa ngokuba yiJantjies Boerdery evelisa iimveliso zokutya kwemfuyo.
"Iimveliso zethu zithunyelwa kumazwe aquka iLesotho, Namibia kwakunye neBotswana, kwaye sijonge ukugqithela nakwezinye iindawo zehlabathi ngokukhawuleza," kutsho uJantjies. Uqhayisa athi sele efumene isigunyaziso sokuba angathumela iimveliso zakhe kwilizwe laseChina ekukudala efuna ukungena kulo ngeemveliso zakhe zolimo.
"Ukuvelisa ukutya kwemfuyo kulula, kodwa kunazo iingxaki njengezinye iindlela zokulima nokufuya, ngoko ke umfama kufuneka azimisele ngamandla emsebenzi wakhe ukuze abone impumelelo," kutsho uJantjies.
UJantjies ngomnye wamafama ambalwa amnyama adinga ukukhula okumandla kumsebenzi wokuvelisa ukutya kwemfuyo.
"Amafama amnyama anqabile okanye awekho kwimveliso yokutya kwemfuyo, ngoko ke thina sele belapha kufuneka sisebenze nzima kakhulu ukuze ukhule umsebenzi wethu kuqeshwe abantu kukhule uqoqosho," uhambisa atsho uJantjies.
Urhulumente woMzantsi Afrika uhlala ekhuthaza ukukhula nokuvela kwamafama amnyama kwimikhakha eyahlukeneyo yezolimo.