Ugandaganda wakwaJohn Deere.
Image: Diagcar
Ibuye nengadluma kagandaganda njengesiqhelo inkampani yakwaJohn Deere emva kokuba bebenqumame kancinci ukuvelisa uhlobo olutsha lukagandaganda.
Ugandaganda i6B uhamba yedwa kwiindidi zegandaganda ezikhoyo kweli nanjengoko equlethe konke okufunwa ngamafama kwezolimo. Lo gandaganda wakhelwe ukuba abenegalelo kwiinguqu zokuphucula umgangatho nomyinge womsebenzi owenziwa emasimini.
I6B John Deere ihamba umgama ongangamashumi amane eekhilomitha ngeyure, oku kwenza ukuba umsebenzi wokuthutha izinto efama ubelula. I6B John Deere ineendidi ezintandathu kuyo ezibangela ukuba amafama akwazi ukukhetha kuluhlu olulodwa.
Ubuntofontofo obusoloko bufunwa ngamafama nobenza ukuba umfama angeva kabuhlungu yenye yeempawu eziphambili kulo gandaganda. Indlela owakhiwe ngayo umphakathi wayo wenza ukuba umfama akwazi ukubona yonke into ekufutshane nendawo asebenza kuyo.
Emanqineni i6B inxiba amatayara wala maxesha nahambelana ncam neengxaki zomfama emasimini. Amandla okuthwala umthwalo oquka ikhuba neenqwelo awabuzwa kwi6B nanjengoko ixhobe ngako konke okufunwa ngumfama. Kweli xesha amafama aqwalasela izinto eziquka ubuchwepheshe kugandaganda, i6B ixhobe ngamandla ngezixhobo ezihambelana nala maxesha.
Amandla ukomelela nokusebenza ngokucokisekileyo zezinye zeempawu exhobe ngazo le ngadluma i6B yakwaJohn Deere.
Ukusukela ekuqaleni kwale nyanga kaTshazimpuzi, lo gandaganda uqalile ukufumaneka kweli loMzantsi Afrika kulo mafama anomdla.
Inkampani yakwaJohn Deere yaqalisa ukungenisa izixhobo zayo kweli eziquka oogandaganda ngeminyaka yoo1920 emva kokuba usapho lakwaDunell laqalisa ukubonakalisa umdla walo kolu hlobo logandaganda.