Entsimini

Wayethengisa intlanzi ngoku ngumfama

Siyabulela Mqikela|Published

UNjabulo Mbokane owayethengisa intlanzi evuthiweyo neetships zetapile ngoku ngumfama ophume izandla.

Image: Uthunyelwe

UNjabulo Mbokane wase-Ermelo kwiphondo laseMpumalanga uqalise ukuziphilela ngokwenza imali ethengisa intlanzi evuthiweyo kwakunye neetshiphs, ngoku ungumfama.

Emva kokugqiba isikolo eCarolina ngonyaka ka2013, uMbokane wazibona engayazi eyonanto afuna ukuyenze ukuqhubela phambili ikamva lakhe.

"Ngenxa yemeko yasekhaya eyayingentlanga andizange ndikwazi ukuqhubela phambili nesikolo, ndathatha isigqibo sokuba ndithengise intlanzi evuthiweyo neetshiphs zetapile," ucacise watsho uMbokane.

UNjabulo Mbokane owayethengisa intlanzi evuthiweyo neetships zetapile ngoku ngumfama ophume izandla.

Image: Uthunyelwe

Ukuzinikela kwakhe emsebenzini wakhe wokuthengisa kwamenza ukuba akwazi ukuqalisa ukulima, kwaye uqhuba kakuhle kakhulu kwezolimo.

"Ndingumfama ophumelele iimbasa ezininzi kakhulu ngenxa yokuba ngoku ndiyalima kumhlaba ozihektare ezingamakhulu amabini, ndivelisa umbona ozitoni ezingaphezu kwekhulu," uqhayisa ngomsebenzi wakhe uMbokane.

UNjabulo Mbokane owayethengisa intlanzi evuthiweyo neetships zetapile ngoku ngumfama ophume izandla.

Image: Uthunyelwe

Ngokulima kwakhe ukwazile ukudala amathuba emisebenzi kwabanye oontanga bakhe abasebenza isigxina, logama ekwanabo abo basebenza ngamaxesha okulima okanye ukuvuna.

"Umbona wam uthengwa kakhulu yinkampani yakwaSouth African Breweries, owona bawuthanda kakhulu ngumbona obomvu ukuze bakwazi ukwenza iimveliso zabo," kucacisa uMbokane. Ngaphandle kokulima, uMbokane uqalise ukufuya iinkomo ngelizama ukukhulisa umsebenzi wakhe wokulima nokufuya.