UZinomthetho Juwele, oyena mfama umncinci eMzantsi Afrika.
Image: Facebook
UZinomthetho Juwele ubonakalisa ukuwuthanda kakhulu umsebenzi wokulima encediswa yinkxaso yosapho lwakhe ukuze aphumelelise iminqweno yakhe.
Ngamazwe afana neChina akwazi ukufundisa nokukhuthaza umntwana ukuba enze into ethandwa yintliziyo yakhe ngokumisela uhlobo lwemfundo olukhuthaza oko.
UZinomthetho ngowaseMthatha eMpuma Koloni kwaye uyazixelela ngokuba ungumfama naye njengamanye amafama kweli.
UZinomthetho Juwele, oyena mfama umncinci eMzantsi Afrika.
Image: Facebook
UJuwele ungumzekelo okwayinkuthazo koogxa bakhe abancinci nangona engakwazi ukuzithathela ezinye izigqibo ngobomi bakhe.
Uninzi loontanga bakhe luthanda ukuthatha imifanekiso kwezinye iindawo, logama yena ekhetha ukuthatha imifanekiso exakeke emasimini ebonisa uthando lwakhe lokulima.
Lithamsanqa ukuba umntwana akwazi ukuzikhethela isakhono anokusilandela kwakamsinyane empilweni yakhe ukuze angachithi ixesha esenza into ethandwa ngabazali.
Ukukhula ethanda ulimo kuza kwenza ukuba uJuwele axhobe ngolwazi namava afuneka ngamandla kwezolimo. Kumele ukuba akhangelelwe izikolo eziza kumkhuthaza kuthando lwakhe lwezolimo ukuze akhulele emasimini uZinomthetho Juwele.
UZinomthetho Juwele, oyena mfama umncinci eMzantsi Afrika.
Image: Facebook
Related Topics: