Nampo Owona mboniso umkhulu wamafama eMzantsi Afrika iNampo
Image: Facebook
INampo ngumboniso wezolimo ekukholeleka ukuba ngowona umkhulu kweli loMzantsi Afrika nothi uqhutyelwe eBothaville, kwiphondo laseFreyistata minyama le, kuthiwa ubuya umkhulu kakhulu kulo nyaka.
Lo mboniso utsala amafama aphuma kwihlabathi, abezoshishino kwakunye nezifundiswa zezolimo minyaka le. Kulo nyaka iNampo igqiba iminyaka engamashumi amahlanu anesithathu iqhubeka ixhobisa, ikhuthaza amafama woMzantsi Afrika.
Ingxelo yabakwaGrain South Afrika ithi lo mboniso uqhubeka ngexesha apho ihlabathi lijongene neengxaki ezininzi eziphazamisa ezolimo. Ongumlawuli walo mboniso uGqirha Dirk Strydom uthi amafama oMzantsi Afrika axhamla ulwazi minyaka le kulo mboniso.
"Amafama woMzantsi Afrika ayayiqonda kakuhle into yokuba awasebenzi ngokuzimeleyo, kodwa ayinxalenye yehlabathi elijongene nemiceli mngeni ethe gabalala kwihlabathi, konke oku kungenxa yenkqubo zokunikisa ngolwazi kumafama eziqhubeka kwiNampo,” utsho uStrydom.
INampo yalo nyaka iqulethe ulwazi olubanzi kwiTekhnoloji, imozulu eguqukayo, nobuxhakaxhaka bala maxesha nabo buzakuboniswa njengesiqhelo.
‘’Ukusukela ngonyaka ka1967 lo mboniso uphucule indlela yokwenza ezolimo kuMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane ngenqanaba eliphezulu,” kutsho uStrydom.
Ukusungulwa kwawo lo mboniso wawubizwa ngokuba yiSamp Haverst Day, kodwa ukutshintsha kwegama akuwulahlanga umbono neenjongo zawo, koko uwukhulisile.
Usihlalo weSenepol Cattle Breeders Association of South Afrika, uBoetie Hattingh, uncoma ukubaluleka kweNampo kumafama oMzantsi Afrika.
"Singamafama eenkomo lo mboniso uyinto yonke kuthi, amafama afumana ulwazi, amathuba okuthengisa nako konke okudingwa ngumfama oshishina ngeenkomo, emva kwawo sifumana iminxeba esuka kwihlabathi lonke abantu befuna ukwazi banzi ngeenkomo zethu,” kutsho uHattingh.