Entsimini

Izithembiso nokwenzeke kwezolimo

Siyabulela Mqikela|Published

UMphathiswa weSebe leZolimo eMpuma Koloni esenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali yeSebe lakhe

Image: Uthunyelwe

UMphathiswa weSebe leZolimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe, wenze intetho yakhe yohlahlo lwabiwo-mali ezele izithembiso ekwaqhayisa ngezinto esele zenzekile kwezolimo.

Ethetha kwindlu yowiso mithetho eBhisho, uKontsiwe, uthi bazimisele ukugxila ngoku kodwa kumsebenzi wamafama amancinci weMpuma Koloni kulo nyaka mali.

"Injongo yethu kulo nyaka mali kukukhulisa umyinge wemveliso yamafama ngokwahlukana kweemveliso zawo, imveliso yenkozo sijonge ukuyinyusa iye kumashumi amabini eepesenti,imveliso yeeOrenji nayo sijonge ukuyinyusa ngokwemveliso iye kwishumi elinethoba leepesenti ekhulwini,” kuthembisa uKontsiwe.

Amafama amaninzi kweli akumaphandle,kwaye akukho lula ukufikelela kwiindawo zokuthengisa iimveliso zawo ngenxa yeendlela nezinye ke iingxaki.

"Sineenjongo zokuphucula amaziko asisiseko sezolimo, izixhobo neendlela zokusebenza kwamafama, ukuze amafama wethu akwazi ukufikelela ngaphandle kweengxaki kwimalike,” kutsho uKontsiwe.

Uthi kulo nyaka mali iSebe lakhe libekele bucala imali engangamashumi asixhenxe ezigidi zerandi ngeenjongo zokuxhasa imvelizo yombona.

"Ngumhlaba ongamashumi amabini anesithathu amawaka ehektare ozakusetyenziswa ukukhulisa imveliso yombona kwizithili eziquka iChris Hani, Joe Gqabi, Alfred Ndzo, Amathole kwakunye naseOR Tambo,” kutsho uKontsiwe.

Kwingxaki yezilwanyanaga eziyabula ecaleni kwendlela eli Sebe libekele bucala imali engamashumi amathathu anethoba ezigidi zerandi ukuze kubiyelwe ukunqanda ukuyabula kwemfuyo.

"Ngumgama ongangeekhilomitha ezingamakhulu amabini nesithandathu ozakubiyelwa nalapho kuza kuchaphazeleka ishumi elinesithathu lamaziko okugcina imfuyo, siza kuvuselela iindawo zokudipha ezintlanu, logama sikwazimisele ukwakha ezinye ezilithoba ezintsha iindawo zokudipha impahla,” uqhayisa atsho uKontsiwe.

Ukulwa iingxaki zempilo kwimfuyo uKontsiwe uthi iSebe lakhe linaso isicwangciso esicacileyo sokujongana nale ngxaki.

"Kulo nyaka mali ka2025/2026 sibekele bucala imali ekumashumi amahlanu anesibini ezigidi zeerandi ukuqinisekisa impilo entle kwimfuyo yephondo leMpuma Koloni,” kutsho uKontsiwe.

Imveliso yeti yaseMagwa naseMajola zinikwe imali ekumashumi amathathu anesibini yezigidi zeerandi ukuze ziqhubeke nomsebenzi wazo wokuvelisa iti eMpuma Koloni.