Entsimini

Ivela kwelaseFrance inkomo iLimousin

Siyabulela Mqikela|Published

Inkomo yohlobo lweLimousin ivela kwelaseFrance

Image: Oselugcinweni

Inkomo yohlobo lweLimousin yenye yeenkomo eziphambili kweli xa kuthethwa ngeendidi zeenkomo ezaziwayo eMzantsi Afrika.

Imbali yayo le nkomo ithi, yafika kweli loMzantsi Afrika ngonyaka ka-1964, emva kokuba iqela lamafama eenkomo kweli athi abonisa umdla kolu hlobo lwenkomo. Enye yeenjongo zamafama weli yayikukuphucula umgangatho weenkomo zenyama ezaziveliswa nguMzantsi Afrika ngelo xesha.

Ukomelela kwendalo nokuvelisa amathole ngokukhawuleza zezinye zezizathu ezenza ukuba amafama weli aluthande olu hlobo lwenkomo. Kwiminyaka ephakathi ko-1970 no-1980, olu hlobo lwenkomo laqhubeka linomtsalane kuninzi lwamafama weenkomo eMzantsi Afrika.

Umgangatho ophezulu wenyama yale nkomo nokuhambelana kwayo nemozulu yeli, kwabangela ukuba akhule amanani wamafama. Kule mihla inkomo yeLimousin iphakathi kweenkomo eziphambili zenyama kweli loMzantsi Afrika, kwaye sele igqithele nakumazwe angabamelwane boMzantsi Afrika.

Ngonyaka ka-1986 kwasungulwa umbutho wamafama avelisa olu hlobo lwenkomo, nowathi wabizwa ngokuba yiLimousin Cattle Breeders Society of South Africa. Ngamafama aqikelelwa kwikhulu angamalungu walo mbutho nafuye iinkomo zeLimousin ezingaphezu kweshumi lamawaka.

Injongo ephambili yalo mbutho kukukhuthaza imveliso yale nkomo nokuvula amathuba amatsha kwiimalike ukuze kuthengiswe. Amafama eLimousin afumana ithuba lokufunda banzi ngenxa yemicimbi eququzelelwa ngumbutho iLimousin Cattle Breeders Society of South Africa.

Amafama ahamba phambili ngokuvelisa olu hlobo lwenkomo aquka iLa Rhome Limousin eTulbagh kwiphondo laseNtshona Koloni. Kukwakho inkampani iJacre Limousin ezinze kwiphondo laseMpuma Koloni, nayo esebenza ngoku kodwa ngeenkomo zeLimousin.