Entsimini

ITrue Cape inyusa umgangatho weeApile eAfrika

Siyabulela Mqikela|Published

Tru Cape Inyusa umgangatho wee-apile eMzantsi eAfrika

Image: Uthunyelwe

INkampani yakwaTrue Cape yenye yeenkampani ezindala kweli ukuvelisa ii-apile nezinye iimveliso ezizalana ne-apile eMzantsi Afrika nakwi Afrika.

Le nkampani iqeshe abantu abaninzi emasimini nakwimizi mveliso yayo ekusetyenzwa ngemveliso ze-apile. Zininzi iintsapho ezibone ubomi buguquka ngenxa yokuqeshwa kootata noomama yinkampani yakwaTrueCape ingakumbi kwiphondo leNtshona Koloni.

Igalelo labo alithandabuzeki kwisixa-mali esigalelwa zezolimo kwingxowa mali kazwelonke kweli. Kutshanje le nkampani ivakalisa ukuba iceba ukukhulisa umsebenzi wayo wokukhulisa imveliso yee-apile kweli.

UConrad Fick ngumphathi wenkampani yakwaTrue Cape uthi sele beneminyaka engamashumi amabini bevelisa.

"Ii-apile eziquka iGranny Smith,Top Red kwakunye neGolden Delicous zi-apile ezithandwa kakhulu kumazwe aseAfrika, ngenxa yoko sifuna ukusebenzisa esinako ukunabisa umsebenzi wethu,” kutshouFick.

I-Apile yabo ithengiswa kumazwe aquka iMpuma neNtshona yeAfrika.

"IMpuma Afrika kwakunye namazwe afana neTanzania, Kenya athenga i-apile iRoyal Gala,Cripps Red,Cripps Pink kwakunye ne-apile ebizwa ngokuba yiPink Lady,” kutsho uFick.

Uthi iApile iGolden Delicious ihamba phambili kwingingqi eNtshona yelizwekazi laseAfrika, kutsho uFick.

URoelf Pienaar uthi ukukhula kwentengiso yee-apile zabo kumazwe aseAfrika kunyanzelisa ukuba bakhawulezise ukwenza iinguqu ezizakwenza ukuba ukhule ngamandla umsebenzi wabo.

"Enye ke yezinto eziphambili kukusebenza ngendlela ehambelana neemalike zamazwe aseAfrika, kufuneka sigcine ii-apile zethu zisemgangathweni ukuze zithengwe, zikhule imveliso zethu,” kutshouPianaar.

UPianaar uthi kwiinzame zabo zokulwa iingxaki bachithe imali ngelizama ukuthintela nantoni na enokuphazamisa umsebenzi wokuvelisa ii-apile.