UMzantsi Afrika uza kujongana ne30% yerhafu ekufuneka bayihlawule xa iimveliso zabo zingena eMelika.
Image: AI Lab
Ngokwenkqubo entsha egquba kwilizwe laseMelika nengxamele ukuxaka ihlabathi, ngumyinge wamashumi amathathu eepesenti ekhulwini irhafu eza kutsalwa kwiimveliso zolimo zeli ezingena kwilizwe laseMelika. UMongameli welizwe laseMelika, uDonald Trump, wothuse ihlabathi xa exela iindlela eza kutsala ngayo irhafu kumazwe angenisa iimveliso zawo kweliya laseMelika.
Ngamazwe angamashumi amathandathu ekulindeleke ukuba abe ngamaxhoba wale meko yeenguqu ezingxamileyo ezenziwa nguTrump eMelika.
Ngaphambili, ilizwe loMzantsi Afrka belingenisa iimveliso zalo kwela lizwe laseMelika ngaphandle kwerhafu ngenxa yeAfrican Growth and Opportunity Act (AGOA). Ingcali yezorhwebo ngezolimo kwinkampani yakwaAgricultural Business Chamber of South Africa (Agbiz), uWandile Sihlobo, uchaza izimvo zakhe ngezi zigqibo zorhulumente waseMelika.
"Akukabikho nto icacileyo okwangoku malunga nezi rhafu, kodwa kuyabonakala ukuba iimveliso ezahlukeneyo ziza kutsalelwa umyinge owahlukeneyo werhafu, kwaye uza kuvakala ngamandla umahluko kumafama weli," kutsho uSihlobo. Uthi ukuthethana phakathi koMzantsi Afrika kwakunye nelizwe laseMelika kubaluleke kakhulu ukuze kuqhutywe urhwebelwano olunengeniso.
"UMzantsi Afrika kumele ukuba usebenzele ukufikelela kwisivumelwano sorhwebelwano oluvulelekileyo nelizwe laseMelika, ilizwe laseKenya lingumzekelo woku, iKenya ikwazile ukuthetha kwehla umyinge werhafu kwiimveliso zabo," uhambise watsho uSihlobo.
USihlobo uthi kukho iimveliso zeli eziza kubetheka ngokukodwa ngenxa yokunyuswa kwerhafu yokungenisa ezi mveliso kwilizwe laseMelika.
"Iimveliso zeeorenji, iwayini, idriwa, namandongomane zezona mveliso zeli eziza kuthwaxeka ngamandla zezi nguqu zenziwa nguMongameli uTrump, kwaye ela lizwe lithenga ngamandla iimveliso zoMzantsi Afrika," ucacise watsho uSihlobo.
Ilizwe laseChina, Vietnam kwakunye nembumba yamazwe aseYurophu aphakathi kwabo baza kuthwaxwa ngamandla ziinguqu zokunyuswa kwerhafu yiMelika.