Entsimini

Indlela yokondla iinkomo zobisi

Siyabulela Mqikela|Published

Iindlela onokuzisebenzisa ukondla iinkomo zakho zobisi.

Image: iStock

Umyinge wobisi oluveliswa ziinkomo zakho zobisi uxhomekeka kwindlela nomyinge wokutya ozinika ngamaxesha afanelekileyo. 

Umzimba wenkomo yobisi unika ubisi ngokumayela nomyinge wokutya okufunwa ngumzimba wazo.

Iinkomo zobisi zinika ubisi oluninzi kakhulu xa zisondliwa ngokufanelekileyo nangokutya okufanelekileyo. 

Inkomo yobisi ityiswa ukutya okukumyinge weekhilogram ezingamashumi amathathu ngaphandle kokuba itye ingca. Oku kwenza ukuba inkomo nayo ikwazi ukukunika ubisi olukumyinge wamashumi amathathu eelitha ngosuku. 

Ukutya okutyiwa yinkomo kuzindidi, amanye amafama athenga izithako azixubele, amanye akuthenga sele kuxutyiwe. Uninzi lweenkomo zobisi zitya ukutya okuqikelelwa kumyinge weepesenti ezintathu ekhulwini zobunzima bomzimba wazo. Inkomo yobohlobo lweFriesian yenye yeenkomo eziphambili ukuvelisa ubisi, kwaye iyaziwa ngokuba inesisu esikhulu kunezinye iinkomo zobisi. 

Oku kuthetha ukuba iinkomo zobisi akumele ukuba zixhomekeka kuphela kukutya ingca yendalo, koko kumele ukuba isondlo sazo sincediswe nangezinye iindlela. Njengokuba besele sitshilo, mininzi imikhumiso enokunikwa iinkomo zobisi ukuze zivelise ubisi olwaneleyo okanye olufanelekileyo. 

Le mikhumiso yimigubo ezindidi ezininzi kodwa owona uhamba phambili ngoxutywe neproteni kwakunye neeminerali ezithi zinike amandla enkomeni. Olu lwazi luyafumaneka kwiindawo ezithengisa ukutya namachiza emfuyo, ngokunjalo nakumagosa eSebe lezolimo ajongene nempilo yezilwanyana.

Ngaphandle kwemigubo ethengwayo exutyiweyo, iinkomo zakho ungazilimela iindidi zengca eziqulethe izakha mzimba eziphambili kumzimba wenkomo yobisi. Ezo ziquka uhlobo lengca ekuthiwa yiNapier, Bracharia, Lusini kwakunye neDesmodium.

Ezi ndidi zengca xa zixutywe kakuhle zinika iinkomo zakho amandla okuvelisa ubisi olaneleyo ukuze uthengise wenze imali mfama.

Ubukho bamanzi aneleyo efama yakho kubaluleke kakhulu mfama kuba ukuvelisa ubisi kwenkomo kuhambelana nokuba isele amanzi ngokwaneleyo.