Entsimini

Iivenkile ezinkulu ziqaqambisa amafama asakhasayo

Cwayita Nondula|Published

UNomake Namhla noMyeko Sapho beYizanazo Co-operative kwaShoprite Amalinda eMonti kunye nomthengi uThandi Dangwane.

Image: Uthunyelwe

Amafama akhasayo aza kufumana ithuba lokuthengisa imveliso yawo kwiivenkile zakwaShoprite nezakwaCheckers kwilizwe liphela ngoLwesine, umhla wesithathu kuTshazimpuzi 2025 xa ezi venkile zinkulu ziza kubamba iMarket Day.

Eli phulo liza kuvula ithuba kookopolotyeni bezolimo abangaphezulu kwama60 abaphuma kuMazantsi eAfrika ukuba bathengise imveliso yabo. Oku kwenzelwa ukuba bafumane umvuzo, ngelixa benxibelelana noluntu kwaye befumana amava okuthengisa.

Inkampani yakwaShoprite ithi eli phulo yinxalenye yokuzinikela kwale nkampani ekuxhaseni iinzame ezizinzileyo zokulwa nendlala kunye nokhuseleko lokutya.

UHassim Phosa noEdith Makgamatha beAl Taawun Fi Al Community Garden kwaCheckers Mall of the South bethengisela umthengi.

Image: Uthunyelwe

IGosa eliyiNtloko loZinzo kwaShoprite Group, uSanjeev Raghubir, uthe: "IMarket Day iyaqhubeka nokukhula minyaka le, ivula amathuba amaninzi kwizitiya zokutya zoluntu ukuzisa imveliso yazo ngqo kubathengi. Ngaphaya kokuvelisa ingeniso, ixhobisa amafama ngamava axabisekileyo okuthengisa kwaye ikhuthaza iindlela zokulima ezikwaziyo ukumelana nemozulu eziyimfuneko kukhuseleko lokutya lwexesha elide."

Ngenkqubo yayo yeAct For Change, iShoprite Group ixhasa iigadi zokutya zasekuhlaleni ezingaphezu kwama260 kunye neegadi zamakhaya ezingama4000, le nkqubo kuthiwa inefuthe elincomekayo kubantu abangaphezu kwama80 000.

Abanye ookopolotyeni abaza kuthatha inxaxheba kwiMarket Day baquka, Intambanana Farming and Multipurpose Coop ezakube ikwaShoprite eMdantsane City, iPhawu Agripak Cooperative ezakuba kwaShoprite eDutywa, iSilverdale Women’s Development NPC yona izakuba ikuShoprite waseGillwell Mall eMonti, iVarhoyi & Mgodleni Co-op izakube ithengisa kwaCheckers Metlife Mall eQonce, iWathint’ Abafazi ikwaShoprite Ziyabuya eGqeberha kunye neYizanazo Co-operative ezothengisela abantu kwaCheckers Vincent eMonti.