Entsimini

Ulawulo olululo efama likhubalo lempumelelo

Siyabulela Mqikela|Published

Indlela elawulwa ngayo ifama yiyo eyenza ukuba isebenze kakuhle kwaye izalisekise iinjongo kunye neminqweno yelo shishini.

Image: Befehr/iStock

Indlela elawulwa ngayo ifama yiyo eyenza ukuba isebenze ngempumelelo kwaye izalisekise iinjongo kunye neminqweno yeshishini. Eyona njongo yokulima nokufuya kukwenza imali, ngoko ke ngaphandle kwamathandabuzo kufuneka kubekho isicwangciso solawulo esicacileyo ekufuneka silandelwe. Uninzi lweefama zenza izinto ezahlukeneyo eziquka ukulima nokufuya ezithi kwazona zizale ezinye iindlela zokwenza imali. Ulimo nokufuya kunoxanduva lokufaka imali ebonakalayo kwingxowa mali kazwelonke ukuze kukhule uqoqosho lelizwe ngokubanzi.

Ukubeka izicangciso eziphambili zokuba kuza kusetyenzwa njani kokona kubalulekileyo kwindlela ekulawulwa ngayo ifama. Esi sicwangciso sihambelana nophando ekumele ukuba lwenziwe ukuqinisekisa ukuba kwenzeka ntoni kwezolimo, ngokorhwebo noshishino kwakunye nezoqoqosho lelizwe ngelo xesha. Kubaluleke kakhulu ke ukuqinisekisa ukuba yintoni ofuna ukuyenza mfama, ukuba uza kulima, yintoni le uza kuyilima, ukuba uza kufuya, uza kufuya ntoni, ngasiphi isizathu.

Oku kwenza ke ukuba umfama akhangele ulwazi oluhambelana noko afuna ukukwenza kwifama yakhe. Ukuba ufuna ukufuya khangela ulwazi ngokufuya, ukuba ufuna ukulima khangela ulwazi oluhambelana noko.

Amafama ayathanda ke ukudibanisa ulimo nokufuya, akukho nto igwenxa ngokwenza oko, kodwa kumele ukuba kubekho into eyaziwa ngayo ifama yakho – ukulima okanye ukufuya. Mazingabininzi izinto ezenzeka kwifama yakho, koko kufuneka uzikhangelele into ethile oza kugxila kuyo. Nceda uqaphele ukuba ngenene loo nto ufuna ukuyenza nokuba kukulima okanye ukufuya unothando olunyanisekileyo kuyo.

Xa sele kuqhutywa ke nomsebenzi wokulima okanye ukufuya, kufuneka ukuba kusetyenzwe ngokuhambelana nesicwangciso. Kulawulwe ixesha, izixhobo zokusebenza, ukulungiswa komhlaba, izichumiso okanye izondlo zemfuyo nendlela imali engenayo esetyenziswa ngayo.

Ukugcinwa kweenkcukacha kubaluleke kakhulu nako, nanjengoko kusenza ukuba kulandelwe iinkqubo zonke ngokusekelezelwe kwiinkcukacha ezo. Ukugxila kwesi sicwangciso kubangela ukuba kungabikho lahleko ingako kwindlela ekusetyenzwa ngayo. Ukukhula kwengeniso kuqinisekisiwe xa kuhlala kusetyenzwa ngokuhambelana nesicwangciso eso.