Entsimini

Washiya umsebenzi kwaMasipala esiya kufunda ezolimo

Siyabulela Mqikela|Published

Umfundi uNthabiseng Shuping ophumelele izifundo zolimo emva kokushiya umsebenzi wakhe.

Image: Uthunyelwe

Ugqwese konke uNthabiseng Shuping (34) kuthweso labafundi abaphumelele izifundo zabo kwiziko elifundisa ezolimo iTsolo Agriculture and Rural Development Institute (TARDI).

Nangona engomnye wabafundi abasele bekhulile, lo mfundi uphumelele emagqabini engoyena uphumelele kunabo bonke abafundi.

Le nzalelwane yaseFreyistata ibisenza izifundo zayo ezingempilo yezilwanyana kwinqanaba leDiploma.

"Ndathatha isigqibo esasinzima kakhulu, esasibuhlungu sokuba ndiyeke umsebenzi kwaMasipala ndibuyele esikolweni ndiyokufunda izifundo ezingempilo yezilwanyana," kutsho uShuping.

Ela ziko neliqhuba inkqubo yokuthwesa abafundi minyaka le, belihonjiswe ngoosaziwayo abaquka uMphathiswa weSebe lezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe noGqirha Lubabalo Mrwebi.

"Injongo yam ephambili ngoku kukukhuthaza intombi yam kwezemfundo, ndimbonise ukuba lisoloko likhona ixesha lokwenza inguqu empilweni yakho," kucacisa uShuping. Eli lixesha lothweso zidanga kuninzi lwamaziko emfundo ephakamileyo kweli loMzantsi Afrika.

Ngabafundi abangaphezu kwamakhulu amathathu abathe banikwa iziqinisekiso zabo zokuba bakwenzile abebekuyele kwela ziko laseTARDI kuTsolo.

Uninzi lumi ndawonye ngenxa yokoyiswa kukuthatha isigqibo sokusuka kwenye indawo aye kwenye indawo ukuqala ubomi obutsha.

Ukuxhoba ngolwazi kuhambelana ngamandla neenguqu eziqhubekayo kwihlabathi elidinga ulwazi olutsha lala maxesha.