Entsimini

Karabo Mulungwa: ‘Umoya wam uyonwaba kwezolimo’

Siyabulela Mqikela|Published

Umfama uKarabo Mulungwa.

Image: Facebook

Ukuchitha ixesha kwinto oyithandayo kokona kubangela impilo eyiyo enyameni nasemoyeni. 

Umfama waseThohoyandou, eLimpopo uKarabo Mulungwa uthi ngenene akaziboni ephila enye impilo ngaphandle kokuhlala kwezolimo.

"Umoya wam uyonwaba kwezolimo, ngoko ke usuku ngalunye kum luphumelela ngenxa yokuba ndizibona ndisenza umsebenzi wezolimo efama yam," kutsho uKarabo.

Umfama uKarabo Mulungwa.

Image: Facebook

Kumhlatyana oziihektare ezisixhenxe, uKarabo wenza into ayithanda ngenene ukulima nokufuya.

"Inkampani yam ibizwa ngokuba yiMK Trading and Projects, ndisebenzisa umhlaba oziihektare ezisixhenxe, apho ndilima imifuno ndikwakhulisa iinkukhu zenyama namaqanda ngaxesha linye," uqhayisa atsho uKarabo.

Ukukhula kwenani lolutsha leli kwezolimo lithemba lokuba ngenene kuyakuhlala kuveliswa ukutya eMzantsi Afrika, ingakumbi xa benokuxhotyiswa ngolwazi nezakhono ezifanelekileyo.

Umfama uKarabo Mulungwa.

Image: Facebook

"Ndiqale ukwenza lo msebenzi ngonyaka ka2014, ndiyakuthanda ukulima nokufuya, ndiphuma kwikhaya lezolimo nokufuya, sikhule kulinywa umbona kufuyiwe ekhaya," kutsho uKarabo.

Uthi ukukhulela kwikhaya lezolimo kumenze ukuba azibone naye enothando olulodwa kwezolimo.

"Kulutsha olusacinga ukuqala ndingathi, yide uqalise kuba alikho ixesha elifanelekileyo lokuqala umsebenzi wakho wokulima nokufuya, naliphi ixesha lixesha elifanelekileyo," uvale ngelo uKarabo.

Umfama uKarabo Mulungwa.

Image: Facebook