Imazi yenkomo yeBoran incancisa ithole layo.
Image: File
Enye yeenkomo eziphambili kwezolimo nokufuya kweli, iBoran inembali neengcambu zayo kweli laseAfrika ngokungafaniyo nezinye iinkomo ezisuka kwamanye amazwe.
Inkomo yohlobo lweBoran kuthiwa yaqala ukuqatshelwa kwingingqi yeMpuma yeAfrika kumazwe aquka iKenya kwakunye neTopiya kwindawo ebizwa ngokuba yiBorana.
Le nkomo ifike kweli loMzantsi Afrika ngeminyaka yoo1950 nekuthe kamva yanda njengezinye iinkomo ezikhe zabonwa kweli. Ingxelo ithi le nkomo yeBoran yaziswa kweli kwilinge lokuphucula umgangatho weendidi zeenkomo eziveliswa kweli loMzantsi Afrika.
Amafama afuye iinkomo kweli loMzantsi Afrika ahlukana kubini ngeembono malunga nokuziswa kwale nkomo kweli laseMzantsi Afrika.
Amanye amafama ayexhalabile ngenxa yokuba akukho bani wayeqinisekile ukuba le nkomo iza kumelana neemeko zezulu nentlalo yelizwe loMzantsi Afrika.
Ukusukela ngeminyaka yoo1960, le nkomo yabonakalisa ukuphila ngaphandle kwengxaki kweli, ukwanda nokuzala kwayo ngaphandle kwengxaki kwenza ukuba yamkeleke.
Ukomelela kwale nkomo kwayenza ukuba ikwazi ukuphila ngaphandle kwengxaki, ijijisana neengxaki zemozulu yoMzantsi Afrika. Ukuzala kwazo okubonisa ukutyeba kwenzala yayo nako kwenza ukuba likhule inani lamafama weli akhulelwa luthando kule nkomo.
Inyama yale nkomo yenye yeenyama ezisemgangathweni xa kukhangelwa ezona nkomo zivelisa inyama yenkomo ephambili kweli nakwihlabathi. Phantsi kombutho iSouth African Boran Cattle Breeders' Society eyasungula ngonyaka ka1964, imveliso yale nkomo inabe ngamandla eMzantsi Afrika.
Inkomo yohlobo lweBoran yongeze kwiinkomo zenyama ezaziwayo kweli nanje ngoko iqhayisa ngenyama enencasa esemgangathweni ophezulu. Kunamhlanje sele imininzi imibutho yamafama avelisa iinkomo zohlobo leBoran kweli nakumazwe angabamelwane.