Umasipala waseMbhashe uncede amafama ngediphu entsha nephuculweyo.
Image: Mbhashe Local Municipality
UMasipala waseMbhashe ebambisene nesebe lophuhliso loqoqosho ekuhlaleni ubambe umsitho wokunikezela ngokusesikweni kwediphu yemfuyo ngoLwesithathu kwilali yaseMndundu kwaWadi 14.
Kwingxelo kaMasipala waseMbhashe, ithi iinjongo zoku kukuphuhlisa uqoqosho loMasipala waseMbhashe nokuphucula imihlambi yamafama.
UThozamile Mfecane othethela amafama ubaxhobise wakhuthaza amafama ukuba ayigcine kwaye alondoloze le diphu esithi, "Buyani boonyana bamaphamba kuba ndinizekile ndothabatha abemnye kumzi nomzi ndininike umalusi ubemnye oyakunelusa ngokwengqiqo."
Ingxelo ithi abahlali bale ndawo bayavuya kwaye banemincili ngale diphu, babulela ngokungazenzisiyo umasipala ngongenelelo lwabo ngokubancedisa ekuhlaziyeni le diphu bethembisa ukuyigcina nokuyikhusela.
Idiphu yemfuyo sisixhobo esibalulekileyo kumafama asekuhlaleni, ingakumbi lawo asemaphandleni ngenxa yezizathu ezininzi. Esinye sezizathu lulawulo lwamakhalane kunye nezifunxi-gazi.
Iidiphu zezilwanyana zinceda ekulawuleni amakhalane, iintwala kunye nezinye izifunxi-gazi ezinokuzenza buthathaka izilwanyana, zinciphise imveliso, kwaye zisasaze nezifo.
Related Topics: