UNtobeko Vilakazi ngumfama owuthandayo umsebenzi wakhe.
Image: Facebook
UNtobeko Vilakazi waseBronkhorstspruit, eKangala, eRhawutini ngumfama weenkukhu ohamba phambili koontanga bakhe.
"Ndaqala ngamantshontsho angamashumi amahlanu egaraji ekhaya, ngenxa yesibindi endabanaso ndakwazi ukusungula inkampani iLuminathi Agribusiness and Projects PTY LTD," kutsho uVilakazi.
Ukuxhoba ngolwazi sesona sixhoba nesiseko esomeleleyo amafama aqalayo amele ukuqinisekisa ngaso.
"Kunyaka ophelileyo ndiye ndagqiba izifundo zokukhathalela imfuyo kwiBuhle Farmers' Academy, emva koko ndingatsho ukuba ndibuye ndixhobe kakhulu kumsebenzi wam wokufuya iinkukhu," kutsho uVilakazi.
Iinkukhu zikaNtobeko Vilakazi.
Image: Facebook
Ngenxa yokukhula komsebenzi wakhe, Vilakazi ukwazile ukuqesha indawo enkulu yokuvelisa iinkukhu zakhe, ekwanguye nomfuyi weenkomo.
"Ukuqesha indawo yokusebenzela kwenza ukuba ndisuke kwiinkukhu ezilikhulu namashumi amahlanu, ngoku ndivelisa iinkukhu eziliwaka nekhulu ngenxa yotshintsho ondalenzayo," kutsho uVilakazi.
Ukhuthaza oogxa bakhe ukuba bakhangele iincwadi eziveliswa yiAgriculture and Young ezithetha ngeendlela ezahlukeneyo zokufuya iinkukhu ngokukuko.
"Kulutsha lakuthi ndingathi mabayeke ukoyika ukuqala, ukuqala sisiqalo sempumelelo, abaninzi kubo boyika ukuqala kuba besoyika ukungaphumeleli, makuqaliswe nto zakuthi," ubongoze watsho uVilakazi.
Uthi amafama asakhulayo mawakulungele ukudibana nemiqobo endleleni, kwaye azilungiselele ukuba awasokuze ajike kwiinzame zawo.
Related Topics: