Indlela efanelekileyo yokondla amathole enkomo.
Image: iStock
Amafama amaninzi aphulukana namathole ngenxa yokungabi nalwazi ngokukhathalela amathole ngokuwondla xa oonina bengekho. Amathole enkomo angondliwa ngobisi oluthengwayo olungamanzi okanye olungumgubo.
Olu bisi lungaxutywa nezinye izinto ngokuhambelana neengcebiso zamagosa akhathalele impilo yezilwanyana kwindawo okuyo mfama. Izithako zobisi ezifakelwa kwisondlo sethole kumele ukuba ziqulathe umyinge wezakha mzimba zeprotheni ezikumashumi amabini anesibini eepesenti ekhulwini.
Xa ithole likhula ngokuzincancela kunina kufuneka ukuba umfama aqhaphele ukohlisa kwenkomo leyo.
Ukuba inkomo yakho yohlisa ngamandla kufuneka ulawule umyinge wobisi olufunyanywa lithole kunina ngokuthi uyisenge okange unqamle ithole. Ukuhlutha okugqithisileyo kwithole kungabangela iingxaki zokuba ithole elo lirhude okanye lifunyanwe zezinye iingxaki zempilo.
Xa ikwinqanaba lokuvelisa umthubi, kubaluleke kakhulu ukulawula umyinge womthubi ofunyanwa lithole kunina.
Ubisi okanye ukutya kokuqala okutyiwa lithole lakho nokuba unina ukhona nokuba akakho kufuneka ukuba uqinisekise ukuba umyinge wefayibha ufanelekile. Umyinge ogqithisileyo wefayibha emzimbeni wethole kwiintsuku zokuqala ungabangela ukugula kwethole lakho mfama. Olu lwazi ungaluqinisekisa kakuhle xa uhlala uncokola namagosa aphambili wezolimo kwindawo ohlala kuyo.
Ngaphandle kobisi olaneleyo nezinye izidlo, ithole likhula kakuhle ngokuhlala lifumana amanzi aneleyo kwiintsuku zalo zokuqala zokuqalisa ukutya. Ukunqongophala kwamanzi emzimbeni wethole kubangela ukukhula kade okanye ukubambezeleka kwenkqubo yokukhula komzimba wethole. Konke ukutya esiswini sethole kucoleka lula xa lifumana amanzi oneleyo ngokusela.
Related Topics: