Umfama uSalome Ledwaba we-Eggzellent.
Image: Facebook
Umntu oqashiweyo akanayo inkululeko, umfama ngumntu oziqashileyo onayo inkululeko yokucinga ngaphandle koloyiko lweezimvo zomnye umntu.
USalome Ledwaba ngumfama ovelisa amaqanda eGa-Matlala, eLimpopo, kwaye uyazingca ngokuba wenza into ayithandayo – ukufuya iinkukhu zamaqanda.
"Ndiqale lo msebenzi ngonyaka ka2022, ngoko ndandigxile kuphela ekufuyeni iinkukhu, kodwa ngoku ndigxile ngamandla ekuthengiseni amaqanda wezo nkukhu," utsho uLedwaba. Ukukhula koqoqosho loMzantsi Afrika kuxhomekeke ngamandla ekukhuleni kwamashishini amancinci afana nelo likaLedwaba ukuze lenze igalelo kwimeko yoqoqosho.
"Ishishini eli ndilibiza ukuba yiEggzellent Enterprise, ukufuya ndakuthanda ndise ngumntwana wesikolo, ndahlala ndikhangela indlela yokuba ndingaqalisa kanjani," uqhayisa atsho uLedwaba.
Uthi uncedwe ngamandla kukuthenga incwadana eveliswa nguKwanda Nyazeka weAgriculture and Young, efundisa banzi ngeendlela zokufuya iinkukhu.
Amaqanda kaSalome Ledwaba.
Image: Facebook
"Emva koko yonke into iyeyacaca kum, ndatsho ndakwazi ukuthatha izigqibo ezifanelekileyo malunga neendlela zokukhulisa ishishini lam lokufuya iinkukhu," kucacisa uLedwaba.
Kutshanje ivenkile yakwaWoolworths kwiphondo laseGauteng ivakalise ukuba inqatyelwe ziimveliso ezifana nenyama yenkukhu, amaqanda nenyama ebomvu ngenxa yokuhla kwezinga lokuvelisa ezi mveliso kwela phondo.
"Ukufunda le ncwadi kwandenza ukuba ndizenzele isicwangciso sam sokuba ndiqala njani ukufuya iinkukhu, ndacwangcisa ngokukuko ndaza ndaqalisa ukufuya," uhambisa atsho uLedwaba.
Uthi waqalisa ukusebenza lo msebenzi ngokuthatha kwimali yakhe ngaphandle kokulinda uncedo olusuka kwenye indawo.
"Ndingacebisa ndithi kumafama amnyama asaqalayo, kufuneka uqinisekise ukuba uyazazi ukuba uthanda ntoni, zixhobise ngolwazi oluhambelana nalonto ufuna ukuyenze, ukuhlala ufunda sisixhobo esibaluleke kakhulu kwezolimo," utsho uLedwaba.
Related Topics: