UXoli Makhabane waseDelmas eMpumalanga esenza into ayithanda kakhulu ukulima.
Image: Facebook
UXoli Makhabane waseDelmas eMpumalanga ngumvelisi wemifuno ophume izandla othengisa imveliso yakhe kwiivenkile eziphambili kweli.
Emva kokwenza izifundo ezingenanto yakwenza nezolimo, uXoli utshintshe wayakufunda izifundo zolawulo kwezolimo eBuhle Farmers' Academy ngo2021.
"Ukuzinikela kwam emsebenzi wokulima imifuno kwenza ukuba ndizibone ndityikitya isivumelwano noPick n Pay walapha eDelmas," kutsho uMakhabane.
Ngaphandle kokuba esenza igama ngokuqala ishishini ngokuvelisa ukutya okuyimifuno, uMakhabane ukwasebenza nzima ukulwa indlala. "Ngenxa yengxaki yobushushu obugqithisileyo kweli laseMpumalanga, sikwajongene ngengxaki yokungakhuseleki kweendawo esisebenzela kuzo, ngoko sinyanzeleka ukuba sisebenzise imali eninzi ukwenza ukhuselo lezityalo," ucacise watsho uMakhabane.
Ukufunda amacebo amatsha okwenza izinto kwezolimo yenye yeendlela eziphambili zokukhulisa ilinge lolimo, logama kwelinye icala umfama esebenza ngokuhambelana namaxesha akhoyo.
"Ukulima yinto enkulu kunokuba kuveliswa ukutya, ulimo yindlela yokuphumeza amaphupha akho, oku kunika ithuba lokuba ukwazi ukuguqula neempilo zabanye abantu," kutsho uMakhabane.
Uhambisa athi iingxaki ezifana nemoyezulu eguqukayo zakuhlala zikhona kwezolimo, kodwa konke akuthethi ukuba umntu ahlale atyhafiswe zezo zinto.
"Kumafama amatsha asaqalayo ukulima ndingacebisa ndithi, kufuneka ukholelwe kwisiqu sakho, phuma uyekufuna ulwazi ukuze uxhobe, ulungele ukufunda izinto ezintsha yonke imihla," kutsho uMakhabane.
Related Topics: