Umanzi abomvu sisifo ekukudala sikhona phakathi kwamafama weenkomo eMzantsi Afrika. Umfanekiso: Keith Weller
Igqala loGqirha wezilwanyana uHanri Bester-Cloete, osebenza kwiziko lonyango lwezilwanyana eBloemfontein kwiphondo laseFreyistata, uthi ngenene yingxaki umanzi abomvu kwiinkomo eMzantsi Afrika.
Umanzi abomvu sisifo ekukudala sikhona phakathi kwamafama weenkomo eMzantsi Afrika, amafama akudala ayesebenzisa amayeza esintu ukunyanga esi sifo.
“Esi sifo senzeka ngokuthi izimungunyi gazi zingene emithanjeni yenkomo leyo, iqalise ke kwangoko inkomo ukubonisa iimpawu zokosulelwa sesi sifo,” kucacisa uBester-Cloete.
Uhambisa athi isiqalo sokulwa esi sisifo kukugonya iinkomo ukuba zingabi nazintwala emzimbeni kuba ziqala ngeentwala ukuhlasela impilo yenkomo.’
“Iimpawu eziphambili zesi sifo ngumkhuhlane, umchamo obomvu, ukungafuni kutya kwakunye neempawu zejondisi,” uhambisa atsho uBester-Cloete.
Ukuthintelwa kokudibana komhlambi weenkomo zakho kunye neenkomo ezifikayo nezo zisuka ngaphandle linyathelo lokuqala ukulwa esi sifo.
“Zikhona iindlela zokuthintela esi sifo kodwa amaxabiso athengiswa ngayo amayeza okuthintela iyaxabisa kakhulu, ngaphandle koko anqabile amayeza okuthintela esi sifo,” kucacisa uBester-Cloete.
Uninzi lwamachiza okugonya anqabile kweli, kuquka nalawo asetyenziswa ngabantu ukulwa izifo.
“Ingingqi ezikumntla mpuma wephondo laseFreyistata zihlangene nengxaki yokosulelwa kweenkomo sesi sifo kwiminyaka emibini egqithileyo, oku kwabangelwa ngamaqondo aphezulu obushushu kula ngingqi,” kutsho uBester-Cloete.
Umanzi abomvu uhlasela naluphi uhlobo lwenkomo nokuba ingakanani ubudala bayo, amathole ahlaselwa sesi sifo nokuba aneentsuku ezelwe.’
“Esi sifo sihlasela iinkomo kuquka namathole nokuba mancinci kangakanani, sikhe safumana iingxelo zokuba kufumaneke ithole elineenyanga ezine kuphela lizelwe,” kucacisa uBester-Cloete.
Ingxelo kaBester-Cloete ithi umanzi abomvu akafumaneki kuphela ehlotyeni, kodwa zikho iinkomo ezifumana esi sifo kanye ngeenyanga zasebusika ezifana neSilimela neyeKhala.
Related Topics: