Ubuchule bokutyala iitapile ukuze ufumane isivuno.
Nangona eli ingeloxesha lokutyala iitapile kuba sele kusondele ixesha lengqele, kodwa lona ulwazi luhlala lufuneka maxesha onke.
Ukuze utyale iitapile ngempumelelo kufuneka ukuba ukhethe imbewu afanelekileyo kwasekuqaleni kweenzame zakho zokulima esi sityalo.
Xa ukhangela imbewu kufuneka ufumane ulwazi malunga nokuba imbewu leyo iyakwazi ukulwa nezifo ezihlaselayo.
Sika imbewu yakho yeetapile kubini uqinisekise ukuba icala ngalinye lineentloko ezimbini ubuncinane. Ukuba uqinisekile ukuba imbewu yakho ifanelekile, ungahambela phambili nokulungisa umhlaba oza kutyala kuwo.
Ukulungisa umhlaba ngundoqo wezinto zonke ozenzayo xa ulungiselela ukutyala, ingakumbi iitapile. Kaloku iitapile zikuthanda kakhulu ukutyalwa kumhlaba olungisiweyo nanjengoko zikhula ngengcambu ngaphantsi komhlaba.
Kufuneka ukuba umhlaba wakho ibengumhlaba ongabambenanga ukuze zikwazi ukunaba ngenkululeko iitapile zakho.
Ukuze utyebe umhlaba wakho faka umgquba ukuze ukwazi nokuphucula umgangatho womhlaba wakho phambi kokuba utyale iitapile zakho.
Igaqa lembewu yakho lifake kumhlaba obubude obuziintshi ezine ukuya kwezintandathu ukuya ezantsi. Kufuneka uzahlule ngomgama ongangeefithi ezimbini ukuya kwezintathu ukusuka kwelinye igaqa letapile.
Eli cala linentloko yetapile lijongise phezulu ukuze zikhawuleze ukukhula iitapile zakho xa uzifaka emhlabeni. Xa uzigqumelela iitapile zakho qinisekisa ukuba umhlaba ufikelela kwiintshi ezintathu ukuya kwezine phezu kwegaqa lakho.
Ngokuya zikhula ke iitapile zakho uza kuqhubeka usongeza umhlaba ecaleni kwazo ude uqaphele ukuba wonele umhlaba.
Iitapile ziyakuthanda ukufuma okungapheliyo, kodwa ingabi kokugqithisileyo ukuze zikwazi ukukhula ziqandusele. Oku kuthetha ukuba kufuneka uqiniseke ukuba amanzi awanqabanga logama zisekwinqanaba lokukhula iitapile zakho.
Ukufaka isichumiso kungancedisa kwinkqubo yokukhula kweetapile zakho mfama, nangona kwezinye iindidi zomhlaba kunganyanzeleka oku.
Maxa wambi ungazityala iitapile zakho ngokusebenzisa iingxowa ukuze ubenolawulo oluthe ngqo kuzo ngamaxesha onke. Oku kwandisa isivuno nako nje ngaxa utyale kumhlaba othe gabalala.
Related Topics: