Entsimini

IJapan ihamba phambili ngokuthenga ibholani yeli

Siyabulela Mqikela|Published

IJapan ihamba phambili ngokuthenga iti ybholani yeli loMzantsi Afrika.

Ilizwe laseJapan lihamba phambili ngokuba lelona lizwe lithenga ngamandla iti yebholani yeli loMzantsi Afrika.

Nangona uninzi lweemveliso zolimo zeli zijongene nengxaki, kodwa iti yebholani iyaqhubeka ukukhula kwiintengiso zamazwe angaphandle koMzantsi Afrika.

Ukukhula kwentengiso yebholani yeli kuqapheleka ngokuba kunyaka ka2015 eli loMzantsi Afrika lithengise iitoni ezingamawaka amahlanu anethoba zebholani.

Ngo2024 ngamawaka alithoba iitoni zebholani yeli ezithengiswe kumazwe angaphandle, kungoko kukho iingxelo zokuba ikhula ngamandla intengiso yale ti. Amanye wamazwe athenga ibholani aquka ilizwe laseJamani, UK, Netherlands, Melika kwakunye nelizwe laseFransi.

Le ti iveliswa kumaphandle eentaba zaseBholani eNtshona Koloni, kungoko ibizwe ngokuba yibholani ngabantu beli. Imbali yayo ithi le ti yabhaqwa sisizwe sabaThwa kwiminyaka yakudala kakhulu kweza ntaba, baza baqaphela ngokuba iqulethe izakha mzimba.

OoGqirha bayakukhuthaza ukusetyenziswa kwale ti, ingakumbi ngabo bagula zizifo eziquka ukunyuka kweqondo lobushushu begazi kwakunye nesifo seswekile.

Ilizwe laseJamani lihleli kwindawo yesibini ukuthenga iti yebholani yelizwe loMzantsi Afrika emva kwelizwe laseJapan.

Le ti ikhuphisana noompondo zihlanjiwe beeti eziphuma kumazwe afana neSri Lanka namanye amazwe.

UMarthane Swart webhunga elijongene nemveliso yebholani kweli, uthi kukho ukukhula kumanani webholani ethunyelwa kwilizwe laseChina.

“Siqaphele ukuba kukho ukukhula kumanani webholani yethu ethunyelwa kwilizwe laseChina ngomyinge ophakathi kweshumi elinesihlanu namashumi amathathu eepesenti ekhulwini,” kucacisa uSwart.

Uthi umsebenzi owenziwa lisebe lezorhwebo noshishino kweli wenza ukuba kubelula kubo ukuthengisa iimveliso zabo kumazwe afana neChina.

“Ukuthotywa kwerhafu yokuthumela le mithwalo eChina yenye yezinto eyenze ukuba sibone ukukhula okumandla kwintengo yebholani kwela lizwe laseChina,” kutsho uSwart.