Entsimini

IBlackberry sisiqhamo esinokulinywa

Siyabulela Mqikela|Published

Isiqhamo esibizwa ngokuba yiblackberry.

Uninzi lwabantu luyazi ukuba xa kuthethwa ngeBlackberry kuthethwa ngefowuni ephathwayo eyakhe yakho, kodwa inyaniso kukuba iblackberry sisiqhamo esinencasa esinokulinywa ngumfama kumhlaba wakhe.

Ngaphandle kokuba isisiqhamo esincamise ngencasa, ikwadlisela ngobuhle obukhatshwa ngumkhitha wokubamnyama kwesi siqhamo.

Esi siqhamo ungasityala ngokusebenzisa inkonkxa okanye imbiza endala njengabalimi bezekhaya bemihla yangaphambili.

Le nkonkxa yakho kumele ukuba uyivule imingxunya ukuze amanzi akwazi ukuphuma kwelinye icala logama isithole seblackberry sikhula kakuhle.

Umhlaba otyala kuwo esi siqhamo kufuneka sibe siyakwazi ukuvumela umhlaba ukuba usefe amanzi. IBlackberry iyazalana nezinye iziqhamo ezifana neblueberry nezinye, ke ngesiXhosa zibizwa ngokuba ngamaqunube.

Amaxesha amaninzi ngaphambili esi siqhamo sasilinywa endle, okanye sityalwe kumakhaya ambalwa. Xa sele usityalile ke isithole sakho seblackberry kufuneka ukuba uqinisekise ukuba amanzi siwafumana ngokufanelekileyo ngamaxesha onke.

Kufuneka isithole sakho sifumane ilanga elaneleyo ukuze sikhule kakuhle, ngoko ke kufuneka utyale kwindawo enelanga elaneleyo. Xa umthi wakho uqalisa ukuba namagqabi, kumele ukuba uqalise nawe ukuwuxhasa ngamakhuni okanye izinto eziqinileyo zokwenza ukuba ukhule womelele.

Izithole zeblackberry ziyakuthanda ukondliwa ngezichumiso, ngoko ke sikhuthaza ukuba usebenzise izichumiso eziqulethe iindidi zezithako ezifunwa sisityalo sakho. Imithi yeblackberry iyakuthanda ukuthenwa ngexesha elifanelekileyo, oku kukhuthaza ukuba imithi yakho ithwale ngokufanelekileyo.

Xa kufike ixesha lokuvunwa kwayo, iblackberry itshintsha umbala, ibe bungwevurha logama isawugcinile umbala wayo omnyama.

Kufuneka ke umfama ayazi ukuba ifikelele kwixesha lokuvunwa xa injalo. Iyathengwa ziivenkile ezithengisa ukutya njengeziqhamo zonke. Kweli xesha lizele ziingxaki nemiceli mngeni kwezolimo ngenxa yemozulu eguqukayo, kubalulekile ukuba umfama akhangele amacebo amatsha.