ILarge White yihagu yenyama.
Olu hlobo lwehagu luhambelana ngenene negama lalo kuba inkunzi yale hagu xa yondlekile igqibile ukukhula iba nobunzima obungamakhulu amane namashumi amahlanu eekhilogram, logama ithokazi layo lona liba nobunzima obungamakhulu amashumi amahlanu eekhilogram.
Oku kuthetha ukuba ngenene iLarge White yihagu equlethe inyama eninzi kunezinye iindidi zehagu ezikhoyo kumafama.
Le hagu ikwaqhayisa ngokukhawulezisa ukukhula isokha izihlunu ezihamba namanqathe afanele umthengi ngamaxesha onke. Kwisithuba seenyanga ezisibhozo ukuya kwezilishumi, iihagu zeLarge White ezizinkunzi zibasele zithwele iikhilogram eziliqela emzimbeni, ukanti amathokazi wona aqalisa ukuba nomzimba xa ekwiinyanga ezisixhenxe ukuya kwezilithoba.
Umzimba weLarge White awuthathi xesha lide ukujika ukutya ukwenze izakha mzimba okanye inyama ukuze wakheke umzimba wayo.
Ezi hagu azisokolisi ukuzifuya okanye ukuzikhulisa, kaloku iLarge White iphila lula kwiimeko ezahlukeneyo zentlalo.
Iyamelana nengqele egqithisileyo, logama ikwazi ukuphila lula kwimeko yelanga elitshisa kakhulu ngaphandle kwengxaki. Imazi yehagu yeLarge White ikwalichule ukukhulisa amantshontsho ayo xa sele ithe yazala, yenza oku incediswa ngamabele ayo adalwe ukuba avele ngokwaneleyo ukuze kuncance amantshontsho ayo.
Inyama yeLarge White isemgangathweni ngenxa yokuba ayinamanqathe agqithisileyo nangona ekhona, kwaye iyathandwa ngabathengi benyama yehagu jikelele.
Ngenyama yehagu yeLarge White, abanikazi beevenkile ezithengisa inyama bayakwazi ukuvelisa ibheyikhoni, soseyiji, iham kwakunye nenyama yehagu enqunqiweyo.
Ngenxa yomgangatho wenyama yehagu yeLarge White, akunzimanga ukufumana abathengi benyama yayo, inyama yehagu ifunwa ngamandla kwiimalike eziphambili kwihlabathi.
Ukufuya le hagu akunankcitho ininzi njengezinye izinto ezifuywa efama, ngoko ke ukuziqalela ukufuya le hagu yindlela eyiyo yokuqala ukufuya.
Iingcali zokubhala nokuguqula ulwimi lwesiXhosa azikabinawo amagama aguqulweyo eLarge White, kungoko sisebenzise igama ebizwa neyaziwa ngalo le hagu nangona ilelesiNgesi.
Related Topics: