IGrain SA ifuna kususwe irhafu yemveliso yamazimba.
Umbutho wamafama avelisa imveliso ezizinkozo kweli, iGrain South Africa (Grain SA), imemelela ukuba uMphathiswa weSebe leziMali kweli uEnoch Godongwana asuse irhafu ekwiimveliso zamazimba.
UGodongwana kulindeleke ukuba othule intetho yakhe yohlahlo lwabiwa mali yalo nyaka mali ePalamente eKapa emva kwemini ngomhla weshumi elinethoba kule yoMdumba.
UDerick Mathews onguSihlalo weGrain SA uthi ukususwa kwale rhafu kungenza ukuba kuliwe indlala logama kuza kuba kukhula amafama wamazimba kwakunye noqoqosho.
“Ukusuka kwale rhafu elishumi elinesihlanu leepesenti ekhulwini kungenza ukuba kuhle ixabiso athengiswa ngalo amazimba neemveliso zawo, oku kungayinzuzo kwiintsapho ezihluphekayo,” kutsho uMathews.
UGodongwana ujongene nezicengo ezisuka macala onke okuba aphungule irhafu, ezinye azisuse okanye angazinyusi ezo sele ziqhuba ngenxa yentlupheko esebantwini beli.
“Ukususwa kwerhafu kwiimveliso zamazimba kungenza ukuba amazimba akwazi nawo ukukhuphisana nezinye iimveliso ezifana nawo kwezolimo,” ubongoza atsho uMathews.
IGrain SA ithi ukulwa ingxaki yendlala akunakusonjululwa nje ngokuba kubekho ukutya, kodwa kufuneka ukutya okuthengiswa ngexabiso elifikelelekayo.
“Sihlala sisilwela ukuba amafama asakhulayo akwazi ukukhula ngokuthi siqinisekise ukuba imithetho elawulayo yenza ukuba kubelula ukwenza oko,” kucacisa uMathews.
Ukanti olilungu lombutho weCosatu ePalamente uMatthew Parks uthi bengulo mbutho babongoza uGodongwana ukuba angaqalisi ukunyusa irhafu.
“Abasebenzi badada ematyaleni, umbane unyukile amaxabiso okutya aphezulu, ngoko ke makungabikho ukunyuswa kwerhafu, endaweni yoko iSouth African Revenue of Service (SARS) mayinyuse iikawusi ingenise imali eyaneleyo engxoweni yayo,” ubongoze watsho uParks.
Related Topics: