Indibano yamafama ebibanjelwe kwidolophu yaseKomani. Umfanekiso: Siyabulela Mqikela/I’solezwe lesiXhosa
IEastern Cape Crime Forum Against Stock Theft isebenza nzima ukuzama ukuxhobisa nokumanyanisa amafama kwiinzame zokulwa ingxaki yokubiwa kwemfuyo kweli leMpuma Koloni.
Eli phondo lixhagwe ngoohola bendlela abenza kubelula ukuphuma kwemfuyo isiya kwamanye amaphondo nakumazwe afana neLesotho.
USijeku Khave yinkokheli ye’Eastern Cape Crime Forum Against Stock Theft eMpuma Koloni nobethetha kwindibano yamafama ebibanjelwe kwidolophu yaseKomani.
“Amafama mawamanyane kubekho ireyinja ezilalini, kubekho ireyinja ezintabeni nasemadlelweni, singene sonke kumaqela esele siwasekile,” ubongoze watsho Khave.
Amafama waseMpuma Koloni ebedibene ngeenjongo zokukhangela indlela ebheka phambili ukuqinisa umsebenzi wabo wokuvelisa ukutya kwiinkalo zonke.
“Sikhangela intsebenziswano neSebe lezoThutho, imfuyo yethu ithathwa ilayishwe ngokungeko mthethweni, ithunyelwa eRhawutini iwele iGqili, ithunyelwe eKapa ngoko ke intsebenziswano namaSebe karhulumente ibalulekile,” kucacisa uKhave.
UKhave ukhuthaza amafama amnyama ukuba aqinise ukufunda banzi ngamalungelo abanawo ukuze bangaxhatshazwa. “Kumele ukuba amafama asebenzisane neSebe lezoLimo ukuze imfuyo ibhalwe ngokufanelekileyo, bafundiswe ngako konke oko, bafundiswe ukungena kwiindlela zokukhusela imfuyo yabo ngeInshorensi,” kutsho uKhave.
Uthi ukusebenzisana nokumanyana kwamafama kumele ukuba kuncedise ukulwa ulwaphulomthetho oluthi maxa wambi luchaphazele abantu abelusa imfuyo.
“IMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili ngengxaki yokubiwa kwemfuyo ezithi ziphume ngohola wendlela uN6 ukuya ngaseLesotho, Maluti naseRhafu ngohola wendlela uN1,” kutsho uKhave.
Related Topics: