Umbutho weenkukhu eMzantsi Afrika iSAPA ithi mazigonywe iinkukhu.
Umbutho ojongene nokuveliswa kweenkukhu kweli loMzantsi Afrika iSouth African Poultry Association (SAPA) ibongoze iSebe lezolimo ukuba likhawulezise ukuqinisekisa ukuba ziyagonywa iinkukhu eMzantsi Afrika.
Lo mbutho uthi uRhulumente uyohlulakala ukuhlawula imali yelahleko amafama adibana nayo ngenxa yezifo ezibulala iinkukhu, ngoko ke makadlale indima yokuthintela izifo kwiinkukhu.
“Sibongoza uRhulumente ukuba akhokele inkqubo yokugonywa kweenkukhu kuba sifelwe ziinkukhu ezininzi ngo2023, kwaye akuzange kwenziwe mbuyekezo ngokoke siyacela, imithetho kaRhulumente yenza kubenzima ukuba sizigonyele ngokwethu,” kutsho ingxelo yeSAPA.
Amafama weenkukhu athi imiqathango abayimiselwa nguRhulumente kushishino lweenkukhu yenza ukuba kubenzima ukuzenzela ezinye izinto.
‘’Umkhuhlane weenkukhu uhamba ngokungxamileyo ukuhlasela ihlabathi ngoko ke siyacela ukuba uRhulumente akhawulezise inkqubo yokugonywa singaphindi sifelwe ziinkukhu, ukuba akunjalo sisengxakini,” kutsho ingxelo yeSAPA.
Abavelisi benyama yenkukhu kweli phantsi kombutho weSAPA bakwakhala ngerhafu efakwa kwixabiso lenyama yenkukhu.
UMelinda Shaw weSAPA uthi akhona amazwe athengisa inyama yenkukhu ngempumelelo ngaphandle kwerhafu efana neVAT.
“Kwilizwe laseBritani inyama ekrwada nentlanzi ayitsalelwa rhafu, eFrance kutsalwa imali encinci kakhulu kwinyama yenkukhu, eItaly kutsalwa iipesenti ezine kuphela ekhulwini ukuzama ukuthatha irhafu yeVAT,” kutsho uShaw.
Ingxelo yeSAPA ithi ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki yokunqongophala kokutya okanye indlala echaphazela abantwana, oku kunganceda ukulwa indlala, kutsho iSAPA.
Likhula mihla yonke inani lamafama amancinci avelisa inyama yenkukhu kweli loMzantsi Afrika, iingxaki eziquka ukungagonywa kweenkukhu zikhuselwa kwizifo kubangela ukungakhuli kweli shishini.