Entsimini

IThupha: Inyanga yamanina (kwezolimo)

Siyabulela Mqikela|Published

Ngenxa yegalelo lamanina kwintlalo ngokukodwa kwezolimo, kumele ukuba singathuli ukuncoma sikhahlele kubo ngenxa yegalelo labo. Ukusukela kwamhla mnene amanina la ebedlala indima enkulu necacileyo kwezolimo ngethuba abayeni babo besemisebenzini eRhawutini naseKapa.

Kwixesha elingaphambi kokuba abantu baphangele, amanina ebedlala indima yokuba ngawo akhokela inkqubo yokuhlakula ukutya emasimini. Maxa wambi okanye rhoqo amanina ebenoxanduva lokuphekela amaqela alimayo emasimini.

Ngaloo maxesha ke amadoda namadodana ekhaya ebexakeka kukulima ukutya okanye ukwalusa ngeenjongo zokondla usapho. Ngokuhamba kwamaxesha ke, itshintshile indima edlalwa ngamanina kwezolimo nakwintlalo, oku kuhamba namalungelo elithe ihlabathi laqalisa ukuwahlonipha.

Nangona esekho amanina agoba umqolo emasimini imini yonke etyala, ehlakula okanye evuna kuloo masimi besitsha lilanga, kodwa uninzi lunyukele ngasentla.

Oku kunyukela ngasentla kuthetha ukuba amafama angamanina ayanda kweli leAfrika ingakumbi eMzantsi Afrika. Inani lamanina kwezolimo lixube amanina asele ekhulile ngeminyaka, abo baminyaka ingaphezu kwamashumi amane, logama kukwakho abo baminyaka ingamashumi amathathu.

Emva kokuxhotyiswa ngamalungelo abuyisa isidima sawo, amanina awakhange alibazise ukungena emasimini nakumasebe karhulumente bebamba izikhundla eziphezulu.

Xa ukhangela kwimingxili eyahlukeneyo yezolimo uyawafumana amanina ebhinqele phezulu. Kwiimveliso zolimo eziphambili ehlabathini ezifana neorenji, Macadamia nezinye, amanina waseMpuma Koloni, Limpopo naseNtshona Koloni aqavile apho. Kweli leMpuma Koloni ngabaphatshiswa abangamanina abathathu abathe bakhokela isebe lezolimo iminyaka ilandelelana.

IEntsimini ilandele inkqubo yokunikwa kwamanina imbasa ngenxa yomsebenzi wabo kwezolimo eMpuma Koloni nakuzwelonke. Kwezi mbasa kulapho icaca ngamandla indima edlalwa ngamanina kwezolimo. Amafama angamanina asebenza nzima kakhulu ukuqinisekisa impumelelo yeenkqubo zokuveliswa kokutya eMpuma Koloni nakuzwelonke.