Amazimba sesinye sezityalo esizinkozo esinembali yaso ekweli laseAfrika ukusukela ukusungulwa kwehlabathi.
Imbali ithi esi sityalo siqale ukuqatshelwa kumazwe akwiMpuma yelizwekazi laseAfrika kwaye siqhube kakuhle ukusukela ngeminyaka yoo1200.
Ngokwembali yezityalo, ezi zinkozo, amazimba, ahleli kwindawo yesihlanu kwihlabathi xa ethelekiswa nezinye.
Ukuthandwa kwesi sityalo ngamafama aseAfrika kuhambelana nokuba sisityalo esilinywa lula nakwiindawo ezinembalela. Amazimba atyalwa ezinkozo ezithi zingene ngokwaneleyo emhlabeni ukuze zikwazi ukukhula ngendlela eyiyo.
Izithole zamazimba ziphuma phantsi komhlaba emva kweentsuku ezinathu ukuya kwezilishumi elinesithathu. Oku kuxhomekeka kumyinge wokufuma komhlaba, amaqondo obushushu nohlobo lwembewu etyaliweyo.
Ngonyaka ka2017, iingcali zolimo, izifundiswa namafama aphambili kwihlabathi adibana eKapa ekhangela iindlela zokubuyisela amazimba emasimini.
Ngenxa yoku kwafikelelwa kwisigqibo sokuba kukhangelwe iindawo ezithile elizweni loMzantsi Afrika neAfrika ngokubanzi kuveliswe amazimba.
Xa elinyiwe ke amazimba aqhayisa ngobuhle bokumumatha ukutya kwisihlwithi esibizwa ngokuba nguNongabe.
Kuthiwa ngeminyaka yoo1800 abasemzini bafika kweli bengawazi amazimba la, kodwa baqaphela ukuba anesondlo esimandla. Imikhosi yeeKumkani zeli yayisebenzisa amazimba njengokona kutya kuphambili ngaloo maxesha.
Iingcali zolimo zikunye nezempilo ziyavumelana ukuba kumele ukuba abuyiswe amazimba ukuze kuncediswe ukulwa indlala nezinye iingxaki.
Kukho uluvo lokuba adlala indima ethile kwimicimbi yezempilo ingakumbi kwabo banengxaki yokuhlaselwa luxinxelelo lwegazi. Ngaphandle kokuba amazimba esityiwa ngabantu, akadlala indima enkulu ukondla imfuyo okanye kwizithako ezenze ukutya kwemfuyo.
Amazwe akwiMpuma nakwiNtshona yeAfrika ahamba phambili ngokuvelisa amazimba, kwaye atyiwa imihla ngemihla ngeendlela ezahlukeneyo.
Ilizwe laseYuthophiya, Sudan nelizwe laseNiger ahamba phambili kwiAfrika ngokuvelisa iindidi zokutya okwenziwa ngamazimba.
Iingcali zophando ziqhuba uphando ngelizama ukuvelisa uhlobo olutsha lwamazimba ukuze kuphucuke umgangatho wezithako zempilo eziqulethwe ngamazimba.
Amazimba asetyenziswa ukuvelisa izidlo zakusasa logama ekwasetyenziswa ukusila utywala bomqombothi.