UMongameli weWorld Farmers Association uGqirha uAndrea Porro.
Ukuphazamiseka kwemveliso yokutya kwiifama zehlabathi kungabangela iingxaki ezifana ncam neengxaki ezibangwa ziimfazwe ehlabathini.
Iziganeko zakutshanje zokubona amafama eqhuba uqhankqalazo kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi kubonakalisa ukuba ngenene ikhona ingxaki.
Ingxaki yoqhankqalazo lwamafama iqale kumafama amazwe aseYurophu emva kokuba ekhalazela imithetho emiselwa ngumbutho wamazwe aseYurophu iEuropean Union (EU).
La mafama akhala ngokuba imithetho equka ukuphungulwa komsi ongcolisa umoya kumazwe aseYurophu kunegalelo elimandla kwindlela abavelisa ngayo ukutya.
Imithetho emiselwe yiEU ithi amafama mawaphungule ukuqhuma okwenziwa ngoogandaganda emasimini nezinye iimatshini zasefama.
Kwelinye icala, imithetho emiselwe yiEU ibangela ukuba amafama angalufumani uncedo lokuthenga izichumiso, logama kwale mithetho ibangele ukunyuka kwamaxabiso ezichumiso nezinye iimveliso zokulima.
UGqirha uAndrea Porro nguMongameli wombutho wamafama kwihlabathi iWorld Farmers Association.
“Kumele ukuba imibutho nooRhulumente behlabathi baqalise ukuxhasa umsebenzi wokuveliswa kokutya ngamafama kwihlabathi ngokubanzi, oku kuyakubangela ukuba kuqhubeke kuveliswa ukutya ngamafama,” kutsho uGqirha Porro.
Uqhankqalazo lwamafama wehlabathi kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba amaxabiso okutya awanakuhla okwa ngoku.
“OoRhulumente bamazwe ehlabathi bayakungqina ukuba ngenene kumele ukuba amafama anikwe imali yokukhulisa umsebenzi wokuvelisa ukutya kwihlabathi,” uhambisa atsho uGqirha Porro.
Iinkokheli zemibutho yezopolitiko kwihlabathi mihla le zithembisa ngokwenza iinzame zokuthoba amaxabiso okutya, kodwa akwenzeki oko.
“Amaxesha amaninzi imali eya kuncedo lwamafama idibana namafama asele ephumelele, yenze lonto ukuba ingakwazi ukuya kufika kumafama ekumele ukuba iyakuwo,” kutsho uGqirha Porro.
Uthi kumele ukuba kususwa yonke imiqobo ethintela ukuxhaswa kwamafama ngooRhulumente behlabathi, kuxhaswe amafama ngokucacileyo.
Amafama aseNdiya kutshanje angenelele kuqhankqalazo evakalisa ukuchasa kwabo imithetho ecinezela umsebenzi wabo wokuvelisa ukutya.
UClaude Girrod ngumfama osakhulayo kwilizwe laseFransi, ukhala ngokungaxhaswa logama uRhulumente wela lizwe eqhubeka ukubatsalela irhafu.
“Ndivelisa imifuno eyahlukeneyo, ingxaki linyuke ngokothusayo ixabiso lezichumiso, izithole nezinye izinto endizidingayo efama, oku konke kunefuthe lemithetho emiselwa nguRhulumente,” ucacisa atsho uGirrod.
UJonas Koester ngumfama kwelaseJamani, uthi makunqunyanyiswe imithetho eyenza ukuba kubenzima ukusebenza kwamafama.
“Kuthiwa masiphungule ubukhulu beefama zethu, kuthiwa masiphungule imihlambi yeenkomo neegusha zethu, yingxaki le kuba senza oku kuba sifuna ukungenisa imali,” kutsho uKoester.
Ngenxa yempazamo zabezopolitiko, imithwalo yamafama kwihlabathi ilibaziseka kumalwandle afana neRed Sea. URoberto Rodridge ngumfama wemfuyo eSpain.
“Imithwalo yethu iyabola ezikhepheni kwiRed Sea, amagosa kaRhulumente atshutshisa thina ekundaweni yokuthetha nabanye abakwezopolitiko kusonjululwe le ngxaki, kuzakunqongophala ukutya kwihlabathi,” kutsho uRodridge.