Gcina iinkcukacha zakho mfama.
Ukugcina iinkcukacha zolwazi nezinto zonke eziqhubekayo efama yakho mfama kubaluleke ngokufanayo nokugcina imali engeniswa ziimveliso zakho. Ukugcina olu lwazi kunceda ukuba xa uthatha izigqibo zokwenza izinto ube unolwazi lokuba wenze ntoni kwaye kwenzeka imveliso enjani.
Maxa wambi ezi nkcukacha zinceda ukufumana uncedo kwiindawo eziquka urhulumente neenkampani zabucala, ingakumbi xa ufuna inkxaso.
Ezi nkampani zabucala kunye norhulumente bathanda ukwazi ukuba kukho iinkcukacha ezigcinwayo efama. Oku kugcinwa kweenkcukacha kuyinxalenye yolawulo oluqotho ukuze kwenziwe iimveliso ezakukhokelela kwingeniso.
Ngoko ke ukugcinwa kweenkcukcacha kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba abaphathi befama bayakwazi abakwenzayo.
Ulimo nokufuya lishishini ngaphandle kwamathandabuzo, ishishini ngalinye ke lidinga ukuba kugcinwe ulwazi lezinto ezingenayo neziphumayo.
Ezi nkcukacha ziquka inani lemfuyo efama, impilo yazo, iinzame ezenziwayo, umyinge wamachiza asetyenziswa kuzo kunye nezinye.
Kungoko sihlala sikhuthaza ukuba amafama asebenzisane namagosa karhulumente, ooGqirha abazimeleyo, izifundiswa kwezolimo nabanye abanolwazi lokulima nokufuya. Olunye ulwazi lokugcina ezi nkcukacha amafama azifumana ngokusebenzisana nabo banolwazi.
Oku kwenza ukuba umfama azazi ukuba ukhwelisa nini, encediswa lulwazi lonyaka ogqithileyo. Ukugcina iinkcukacha kwenza ukuba ungaphumi kwinkqubo nesicwangciso esihambelana nezinto obuzenze kunyaka ophelileyo.
Ngokugcina iinkcukacha umfama utsho ayazi ukuba angalwa njani neengxaki ezihlasela izityalo okanye imfuyo yakhe.
Iinkcukacha ezigcinwa ngumfama ziquka iinkcukacha zeentsuku zokhwelisa imfuyo yakhe, ukuze ukwazi ukuqikelela ixesha lokuzala kwazo.
Ukuba uyayazi ukuba izakuzala nini imfuyo yakho, uyakwazi ukwenza amalungiselelo ukuze izalele kwindawo elungileyo.
Xa ungenazo, awukwazi kuqikelela ixesha lokuzala kwemfuyo yakho, ngenxa yoko imfuyo izalele ezindaweni ezingafanelekanga. Xa izelele kwiindawo ezingafanelekanga imfuyo, angafa amatakane okanye alimale emancinci.
Ezi nkcukacha ziquka iziliphu othenge ngazo izinto eziquka amayeza nokutya kwemfuyo. Ngenxa yokugcina ezi nkcukacha uyakwazi ukuyazi imali oyichithayo kumayeza, nemali oyichithayo ekuthengeni ukutya kwemfuyo.
Ngenxa yoku utsho uyazi ukuba kukho imfuneko yokuba wenze amacebo okuphungula imali oyichitha uthenga izinto onokuzivelisa ngokwakho.
Amafama angaphambili amnyama ebesenza lomsebenzi engazigcini iinkcukacha zezinto eziqhubeka efama, ngoko ke bebehlala bebanelahleko emandla.
Ukukhula nokuphucuka komsebenzi wakho mfama kuxhomekeke kulwazi olugcina ngokuthi ugcine ezi nkcukacha.