Emva kokubetheka okumandla kumafama neenkampani ezivelisa nezithengisa inyama yenkukhu, kukho iingxelo zokuba kukho umahluko obonakalayo kulo nyaka.
Iminyaka emibini egqithileyo amafama weenkukhu kwaneenkampani ezithengisa inyama yenkukhu, zithwaxeke ngamandla ziingxaki ezahlukeneyo.
Ongumlawuli kwenye yeenkampani ezinkulu ezithengisa inyama yenkukhu kweli iAstral, uChris Schutte, uthi ngenene ikota yokuqala yalo nyaka yenze umahluko.
UAstral yenye yeenkampani ezinkulu kweli ethe yathwaxeka ngamandla kwimveliso yenyama yenkukhu ingenzi ngeniso ngenxa yeengxaki.
“Enye yeengxaki ebeziphambili ibikukuqhawuka kombane, ukungazinzi konkinkisho lwamanzi nokunyuka kwamaxabiso wezinto esizisebenzisa ukuze sivelise inyama yenkukhu,” kucacisa uSchutte.
Isifo somkhuhlane weenkukhu sibeyeyona ngxaki iphambili amafama wenkukhu adibene nayo kunyaka ophelileyo.
“Endaweni yokungenisa imali kunyaka ophelileyo nakwiminyaka engaphambi kwalo uphelileyo, sichithe imali sithenga izinto zokusebenza ukuze siqhubeke sivelisa inyama yenkukhu ethandwa ngabantu boMzantsi Afrika,” kutsho uSchutte.
Imeko yezopolitiko nayo idlale indima nanjengoko amafama wenkukhu echithe ixesha esilwela ukuba kupheliswe ukungena kwenyama yenkukhu yaseBrazil kweli.
“Ngenxa yezi ngxaki siye sagxila ngamandla kwiinzame zoku zinzisa imeko kwimveliso yenyama yenkukhu, oko kusisebenzele kuba naku linyuka izinga lokuthengiswa kwenyama kwakhona,” kutsho uSchutte.
Ezimbi, kwinkampani ezivelisa inyama yenkukhu zinyanzeleke ukuba ziphungule inani labasebenzi bazo ukuze zihlale zisebenza.
“Isifo somkhuhlane weenkukhu sibangele ukuba ixabiso lenyama nezinye iimveliso zenyama yenkukhu zinyuse ixabiso,” utsho uSchutte.
Uhambisa athi ngaphandle kwamathandabuzo izakuzinza kwakho imeko kwiinkampani kuquka namafama wenyama yenkukhu kweli.
Iingxaki ebezambethe imveliso yenyama yenkukhu kunyaka ophelileyo zibangele ukunyuka kwexabiso lamaqanda kuzwelonke. Ngenxa yoku uMzantsi Afrika unyanzeleke ukuba uthenge amaqanda kumazwe angaphandle.