Ukuze umfama alawule ifama yakhe ngempumelelo kufuneka ukuba akwazi ukuthatha izigqibo ngaphandle kwengxaki ukuze asebenze kwezo zigqibo.
Amafama noosomashishini abaninzi abaphumeleli ngenxa yokuba bengakwazi ukuthatha izigqibo ezibalulekileyo ezinokuqhubela phambili amashishini abo.
Ukulibazisa okanye ukungakwazi ukuthatha isigqibo kubangela ukuba ishishini okanye umsebenzi wasefama ungahambeli phambili.
Amaxesha amaninzi amafama alibazisa ukuthatha isigqibo ebesinokwenza ukuba ifama yakhe ikhule okanye inyukele kwinqanaba elingasentla.
Oku kuthatha isigqibo kuhambelana nokwenza inguqu okanye utshintsho kumsebenzi wakho mfama.
Isigqibo sokwenza utshintsho sisuka kwingcinga nembeno yokufuna ukukhulisa okanye ukwandisa ishishini lakho.
Phambi kokuthatha isigqibo umfama ufuthelwa zizimvo ezintsha azibone kwenye indawo, okanye ekukudala ezicinga eyedwa ngeenjongo zokukhulisa ishishini.
Abantu abaninzi abashiyileyo okanye abangakhuliyo kwezoshishino basoloko besenza izinto ngohlobo olunye.
Oku kuhambelana ngamandla nala maxesha wokuguquka kwezinto zehlabathi eziquka isimo sezulu esiguqukayo.
Maxa wambi umfama ufuna ukutshintsha indawo enenkampi ukuba ibeyindawo yokulima, injongo inye ikukukhulisa ishishini lakhe.
Oku kungenzeka ingakumbi xa umfama ethathe ithuba esenza imfunalwazi yokuba izakumnceda njani lentshukumo yokutshintsha inkampi ibeyindawo yokulima.
Kubaluleke kakhulu ukuba emva kokwenza uphando umfama athathe isigqibo sokutshintsha iinkampi zibe yindawo yokulima.
Lo ngumzekelo obonisa ukuba ngamagorha kuphela aphumelelayo kwezoshishino ukuze abone umahluko kwezolimo. UIzak Hofmeyer uthi izigqibo ezithathwa ngamafama noosomashishini zikumanqanaba ahlukeneyo.
“Zahlukana ngezinga lokubaluleka ezi zigqibo, ezinye zibalulekile, ezinye zibaluleke ngaphezu kwezinye izigqibo, kungoko kubalulekile ukuba umfama azazi izinto ezibalulekileyo kumsebenzi wakhe wemihla ngemihla,” kutsho uHofmeyer.
Amafama asakhulayo ngawona abangamaxhoba wale meko kuba angena kwezolimo engenalwazi luninzi ngezolimo. Ukuthatha isigqibo ngohlobo lesityalo orhalela ukusityala, uhlobo lweenkomo ofuna ukuzifuya nezinye, yilonto izigqibo zisoloko zibalulekile ngamaxesha onke.
Uninzi lwamafama aphumelelayo ufumanisa ukuba athatha isigqibo sokukhulisa, okanye ukutshintsha indlela ethile ebebesenza ngayo umsebenzi wabo.
Wambi amafama ashiya indlela endala ebisetyenziswa ngooyise yokwenza ulimo aqalise indlela entsha. Emva kwesi sigqibo, amafama abona umahluko wokukhula okanye ukuhamba phambili kweshishini.
Kungoko ke sisithi kubalulekile mfama ukuba ukhangele ulwazi olaneleyo phambi kokuba uthabathe isigqibo, kodwa musani ukoyika ukuthatha isigqibo esakukhulisa umsebenzi wenu mafama.