Kukho isivumelwano sentsebenziswano esizakutyikitywa phakathi kwamafama akwaGompo neYunivesithi yoMzantsi Afrika ngeenjongo zokuphucula umsebenzi wamafama eGompo Farmers Association.
IKholeji ejongene nezolimo nokusingqongileyo kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika ibambisene neGompo Farmers Association izakutyikitya isivumelwano sentsebenziswano kunye neli ziko lemfundo ephakamileyo iUNISA.
Okuphambili kwesi sivumelwano yintsebenziswano kwimicimbi yophando ngqangi kwezolimo nokusingqongileyo. Oku kulindeleke ukuba kunabise ngamandla umsebenzi wamafama asakhulayo kwingingqi yaseMonti nakwiMpuma Koloni ngokubanzi.
Uphando ngqangi sisixhobo sokuncedisa amafama ngolwazi oluthembakeleyo ukuba akwazi ukuthatha izigqibo ezi zizo ngomsebenzi wokuvelisa ukutya imihla ngemihla.
Esi sivumelwano sihambelana kanye neenjongo eziphambili ezabangela ukusungulwa kombutho wamafama iGompo Farmers Association, itsho ingxelo.
IGompo Farmers Association ngumbutho wamafama onjongo zawo ikukukhuthaza amafama amancinci ukuba aqinisekise imveliso yokutya ukuze athengise enze imali.
Enye yeenjongo eziphambili zeGompo Farmers Association kukukhuthaza amafama ukuba athathe inxaxheba kwimeko yezimali esebenzisa iimveliso zolimo.
Ukutyikitywa kwesi sivumelwano kulindeleke ukuba kuzinyaswe ngamagosa aphezulu kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika kwisebe eliseMonti, amafama alikhulu, amagosa kaRhulumente kunye nekomkhulu lamaRharhabe.
Kuthiwa iKumkani yesizwe samaRharhabe uVululwandle Sandile nguye ozakwenza intetho ephambili kulo mcimbi ephelekwa ngamagosa akwaMasipala waseBCM.
Amafama amnyama awakhuli ngesantya esifanelekileyo eMpuma Koloni ngenxa yokuba edinga ulwazi nokufundiswa banzi ngeenguqu eziqhubeka rhoqo kwezolimo.
“Sisoloko sisebenzela ukuba amafama wethu ayeke ukuba ngamafama amancinci koko anyukele kwinqanaba elingasentla,” kutsho uMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters.
Ukusebenzisana phakathi kwamafama asakhulayo kwakunye namaziko emfundo ephakamileyo kubaluleke kakhulu ukuze babelane ngolwazi nezakhono.