UDan Kriek.
UDan Kriek kulindeleke ukuba axhuzule imikhala kumbutho wamafama oboya iNational Wool Growers Association ukusukela ngomhla wokuqala wenyanga kaCanzibe walo nyaka.
INational Wool Growers Association ngumbutho osebenza kakhulu namafama avelisa uboya kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe loMzantsi Afrika kuquka nasezilalini. Lo mbutho unomzila owaziwayo kwiilali zeMpuma Koloni ngenxa yokuba ujikeleza ufundisa amafama ngenzululwazi yoboya ingakumbi obegusha.
ULeon de Beer obengumphathi walo mbutho kuzwelonke uzakuba egqibelisa emsebenzini wakhe ekupheleni kwenyanga kaTshazimpuzi. Loka de Beer usebenze iminyaka engamashumi amabini kulo mbutho weNational Wool Growers Association.
UDan Kriek uthi uyakuvuyela kakhulu ukusebenza namafama woboya woMzantsi Afrika.
“Ithuba lokusebenza namafama oboya oMzantsi Afrika lithuba endilithakazelela kakhulu, ndizimisele ukwenza umahluko ngaphandle kwamathandabuzo,” kutsho uKriek.
Iingxelo zophando ebelenziwe kutshanje zibonisa ukuba iMpuma Koloni ihamba phambili ngokuvelisa uboya obuzindidi kuMzantsi Afrika. Isithili saseChris Hani besithwele intshinga kunyaka ophelileyo u2023, kodwa oku kuyatshintsha minyaka le.
“Ndizimisele ukusebenzisana nabo bonke abachaphazeleka kwimveliso yoboya kuzwelonke kuquka noRhulumente,” uhambisa atsho uKriek.
Phandle kokufuya iigusha ezininzi amafama asezilalini ahamba phambili ngokuvelisa uboya kweli, kodwa kusekho imfuno yolwazi.
“Injongo ephambili kukunika wonke ubani ithuba lokuba avakalise izimvo nemibono yokukhuliswa kwemveliso yoboya eMzantsi Afrika,” utsho uKriek.
Ekupheleni konyaka ophelileyo iNational Wool Growers Association iqhube ucweyo kwiindawo eziquka isithili saseJoe Gqabi. UKriek ungena kulo mbutho erhuqa amava wakhe amaninzi nanjengoko ekhe wasebenza njengomongameli weAgri SA.
UBilly van Zyl okwasisikhulu kwiNational Wool Growers Association uthi bakhethe uKriek ngesi zathu esicacileyo. “Sazile okokuba uKriek uza kwiNational Wool Growers Association equlethe ulwazi namava angamandla, oku kuzakukhokelela imveliso yoboya yoMzantsi Afrika kwelinye inqanaba,” kutsho uvan Zyl.
Kwiinzame zayo zokukhulisa amafama woboya kuzwelonke, iNational Wool Growers Association iyazenza iinzame zokunika amafama ithuba lokukhuphisana ngemveliso yoboya.