Amafama ahamba neetrektara athatha inxaxheba kuqhankqalazo oluququzelelwa nguMbutho wamaFama aseJamani eBerlin, eJamani. UMFANEKISO: Fabian Sommer/dpa nge-AP
Ukungoneliseki kwamafama kwihlabathi kuyakhula, ngakumbi kumazwe aseNtshona yelizwekazi laseYurophu, abonisa oku ngoqhankqalazo.
Kutshanje amafama aseJamani aqhube uqhankqalazo evala iindlela eziphambili kwela lizwe ephazamisa ukuhamba kwezithuthi.
Ingxeli yamajelo eendaba kwihlabathi ithi unobangela woqhankqalazo lwamafama aseJamani ziinzame zikaRhulumente wela lizwe ngokunyanzela amafama ukuba aphungule ukungcoliswa komoya.
Kuthiwa amafama angcolisa umoya ngokusebenzisa izigadla eziqhumisayo ezifana noogandaganda, iiloli nabanye oomatshini abaqhumisayo.
Kwilizwe laseNetherlands ngonyaka ka2019 inkundla yakhupha ingxelo yokuba ngenene iifama zela lizwe zinegalelo ekungcoliseni umoya. Oku kwabangela ukuba uRhulumente waseNetherlands avale iifama ezithile, logama ezinye zanyanzeliswa ukuba ziphungule umsebenzi wazo.
Ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo, amafama welizwe laseBelgium avala oohola beendlela abaphambili kwelali ekhalazela imithetho ephazamisa inkqubo yokuveliswa kokutya.
Kwilizwe laseIreland kwinyanga ephelileyo, amafama obisi aqhube iinkomo zawo ukuya kwiiofisi zabaphathiswa abathathu ngelikhalazela imithetho abathi iphazamisana nenkqubo yokuveliswa kobisi.
Ekuqaleni konyaka kunyaka ophelileyo u2023, amafama welizwe laseSpain aqhube uqhankqalazo ekhalazela ukunkinkishelwa amanzi okunkcenkceshela nokuseza iimpahla nguRhulumente.
Ukanti amafama welizwe laseFransi nawo aqhube uqhankqalazo ekhalazela ukupheliswa kwechiza elithile ebelisetyenziswa ukulwa izinambuzane ezifama zabo.
UJoachim Rukwied wombutho wamafama aseJamani uthi amafama aqhube uqhankqalazo evakalisa ukuchasa kwabo ukonyuswa kwerhafu yamafutha.
“Amafama athumele umyalezo ongqingqwa kuRhulumente bevakalisa ukuchasa kwabo ukonyuswa kwemali yerhafu ekucetywayo eJamani,” kutsho uRukwied.
Ukuphazanyiswa komsebenzi wamafama wokuvelisa ukutya kungabangela ukuba kunyuke amaxabiso okutya okanye kunqongophale ukutya kwihlabathi.