Entsimini

Ziyafa iinkomo eMozambique

Siyabulela Mqikela|Published

Kuthiwa sele zifike kumakhulu alithoba iinkomo ezibulewe sisifo esingaziwayo kwidolophu yaseManica eMozambique. Le ndawo kuthiwa yabelana ngomda nelizwe laseZimbabwe, okuthetha ukuba xa singenakunqandwa singanwenwela kwezinye iindawo ezikumazantsi weAfrika. Ukusukela kwinyanga ephelileyo, amafama aseManica eMozambique abone ngeenkomo zawo zisifa ngendlela engaqhelekanga.

Amagosa empilo yezilwanyana aquka ooGqirha eMozambique asabhula esela ekhangela unobangela wesi sifo. Abafuyi beenkomo eMozambique baxhalabile ngenxa yokuba oku kuchaphazela imeko yabo yezimali, logama ikwachaphazela inkqubo yokuveliswa kokutya.

Imeko yokufuya iinkomo eMozambique ibonakala iphantsi koxinzelelo olumandla ngenxa yale meko yokufelwa ziinkomo. Amafama weenkomo eMozambique acela uncedo kuRhulumente wela lizwe nakumazwe angabamelwane ukuba ancede ukulwa lengxaki.

KuMasipala wesithili saseMalahleni eCacadu zikhe zafa iinkomo ngamanani aphezulu zibulawa sisityalo esingaziwayo. Ngophando lamagosa ajongene nemfuyo kwafumaniseka ukuba ezinkomo zibulawa sisityalo esithile kwiilali zaseRhwantsana eCacadu. Imvelaphi yeso sityalo kwathiwa sivela kwilizwe laseChina, kwaye asaziwa ukuba saza kufika njani kweli leMpuma Koloni.

Amafama weenkomo eMozambique ayasabenzisana namafama weenkomo kweli loMzantsi Afrika ngeendlela ezininzi. Inyama yenkomo yeli iyathunyelwa eMozambique logama nalo elalizwe lithumela inyama kweli. Ukusebenzisana kwamafama kwiimeko ezinje kusoloko kusisisombululo sokulwa iingxaki zokufa kwemfuyo.

Kwelinye icala, ukuthintelwa kwesi sifo ukuba singanwenweli kwezinye iindawo kubaluleke kakhulu njengoko ummandla woMzantsi Afrika ujongene neengxaki zezifo ezininzi zezilwanyana.

Ziqikelelwa kwizigidi ezibini iinkomo ezikhoyo kwilizwe laseMozambique ngokubanzi, kuquka amafama aphuhlileyo nalawo asezilalini. Kulindeleke ukuba linyuke inani leenkomo ezibulawa sesi sifo kwela lizwe nanjengoko singekaziwa imvelaphi yaso.