Entsimini

Sebenzisa amayeza emfuyo ngendlela eyiyo mfama

Siyabulela Mqikela|Published

Umfama utofa inkomo efama.

Uninzi lamafama asezilalini angena kwinto yokuphilisa, ukukhusela nokondla imfuyo yawo ngokusebenzisa amachiza aseNtshona.

Oku kungenelele ngakumbi emva kokuba bekhuthazwe ukuba bohlukane namayeza esiNtu, ayenceda nawo. Akukho nto igwenxa ngokusetyenziswa kwamachiza aseNtshona ngamafama, ingakumbi amafama amnyama. Kodwa okona kuyingxaki kukuba amafama asebenzise lamachiza ngendlela engeyiyo.

Indlela engeyiyo yokusebenzisa amachiza iquka ukugqithisa komyinge nokusebenzisa iyeza elingenzelwanga isifo okanye umkhuhlane lowo lithengelwe wona.

Oku kubangelwa kukunqongophala kolwazi kumafama amnyma, kwakunye nezinga lemfundo ephantsi kumafama akowethu.

Maxa wambi amafama ayafundiswa ngamagosa kaRhulumente, kodwa ulwimi olubhalwe kwezinkonkxa lenza ukuba kubenzima kumafama.

Ngaphandle kolwimi olusetyenzisiweyo, namagama abizwa zinzululwazi zezolimo nokufuya. Qinisekisa mfama ukuba izixhobo ozisebenzisayo zicocekile, ziwufanele umsebenzi lowo. Mazihlanjwe okanye zibiliswe emanzi abilileyo izixhobo zokutofa iimpahla, ungenjalo zibiliswe phambi kokusetyenziswa.

Fumana ulwazi malunga nomyinge ozakuwusebenzisa kwichiza elo, oku ukwenza ngokuthetha namanye amafama. Ungalufumana olulwazi nangoku buza evenkileni ethengisa amayeza emfuyo. Ukuncokola kwamafama ngamayeza emfuyo nezinye izinto nako kunganceda ukuba umfama athathe izigqibo ezi zizo.

Ukusebenzisa amayeza engengawo kubulala ngamandla amajoni omzimba kwimfuyo ethe yasezwa elo yeza ngelo xesha. Indawo ohlaba kuyo inalithi kufuneka ukuba nayo iqinisekiswe ukuba yindawo efanelekileyo ekumele ukuba kuhlatywe kuyo.

Indlela yokuyibamba imfuyo xa kuzakusetyenziswa amayeza ibalulekile, kufuneka imfuyo iqhele ukubanjwa. Kumele ukuba efama zikho izixhobo zokubamba imfuyo maxa wonke, oku kwenza ukuba kubelula ukusebenzisa amayeza emfuyo yakho ngendlela eyiyo.

Qinisekisa mfama ukuba ulwazi olubhalwe kwiincwadana zamachiza uyazilandela kakuhle ngaphandle kwamathandabuzo. Izandla zakho nazo mazihlale zicocekile xa uzakuphatha amayeza wemfuyo yakho.

Musa ukuthatha iyeza komnye umfama ulisebenzise kwimfuyo yakho ngaphandle kokufumana ingcebiso. Amafama asezilalini akuthanda kakhulu ukwabelana ngamachiza okanye izixhobo ezifana neenaliti zokuhlaba imfuyo.

Ukuxutywa kwamayeza afuna ukuxutywa nako yingxaki enkulu, xuba kakuhle nangokwemiyinge esikiweyo mfama.