Inyama yenkukhu kwisitya phezu kwetafile.
UPaul Matthew ongumlawuli weAssociation of Meat Importers of Southern Africa uthi lizakunyuka ixabiso lenyama yenkukhu ingaphelanga le nyanga yoMnga.
“Ngelizama ukukhawulelana nengxaki yokunqongophala kwamaqanda okubangelwe sisifo somkhuhlane weenkukhu, siye sathenga amaqanda angamashumi asibhozo ezigidi, oku kunyanzela ukuba silinyuse ixabiso le nyama yenkukhu,” kutsho uMatthew. Olu luhlobo lweqanda lenkukhu elityetyisiweyo elikhawulezisayo ukuqandusela ngaphandle kwengxaki.
“Ayikho enye indlela esinokwenza ngayo nathi, sinyanzelekile ukuba silinyuse ixabiso le nyama yenkukhu, ukuze sikwazi ukwenza ingeniso,” utsho uMatthew.
Amafama avelisa iinkukhu kweli alahlekelwe ngamandla ngenxa yesifo somkhuhlane weenkukhu. Amanye amafama anyanzeleke ukuba avale, logama amanye anyanzeleke ukuba aphungule umyinge womsebenzi wawo.
“Okwangoku alikasebenzi ixabiso elitsha lenyama yenkukhu, kodwa silindele ukuba elixabiso lingene kwisiqingatha sokuqala sonyaka ka2024,” ucacisa atsho uMatthew.
Kwinyanga yeDwarha neyeNkanga kulo nyaka linyuke ngeshumi elinesibhozo ekhulwini ixabiso lamaqanda esiqhelo kuzwelonke. “Ingxowa yenyama yenkukhu ebunzima bulishumi leekhilogram linyuke ngeepesenti ezine ekhulwini, logama iikhilogram ezimbini zesibindi senkukhu zinyuke ngeepesenti ezintlanu ekhulwini,” kucacisa uMatthew.
UMatthew ubongoza ungenelelo lukaRhulumente ngokukhawuleza ukuzama ukunqanda ukunyuka kwexabiso le nyama kweli.
“Ukungenelela kukaRhulumente kungenza ukuba elixabiso lingenyuki ngendlela engaqhelekanga, okanye kuthintelwe ukunyuka kwelixabiso konke konke,” kutsho uMatthew.
Ngaphambili usihlalo weSouth African Poultry Association (SAPA) uIzaak Breitenbach wathembisa ukuba abanakulinyusa ixabiso lenyama yenkukhu.
Inyama yenkukhu iyinxalenye yempilo yemihla ngemihla yabantu abahluphekayo nabo batyebileyo kweli nakwihlabathi. Ukanti amafama asaqalayo abhenela ekufuyeni iinkukhu nanje ngoko kulula ukuzifuya xa kuthelekiswa nezinye iindlela zokufuya.
Ukunyuka kwexabiso lenyama yenkukhu kuzakuqhubeka logama ixabiso lamafutha, izichumiso nezinye izinto linyuka yonke imihla.