Izithethi kwiAfrican Agri Investment Indaba. UMFANEKISO: African Agri Investment Indaba
Ivalwe ngelizwi elinye inkomfa yamafama eKapa iAfrican Agri Investment Indaba, ngelithi makusetyenziswane ngamafama akumanqanaba ahlukeneyo.
Iingcali zolimo, izifundiswa namafama akumanqanaba angalinganiyo athi ukusebenzisana kwamafama kunganceda. Ukukhula kwamafama amancinci kuchazwe ukuba yeyona nto kumele ukuba iyaqhubeka kwihlabathi ukuze kukhule, kutshintshe intlalo.
Ezingcali zithi amafama amancinci ngawo agalela ngamandla ukuze kuqhubeke ukukhula kwemeko yezimali kwiindawo ezihlala abantu.
Umyinge omninzi wokutya okuveliswa ngezolimo kuphuma kumafama asebenzisa iigadi zawo ezincinci. Ukusebenzisana kwamafama amancinci namakhulu kuyakwenza ukuba kuhlale kukho amathuba emisebenzi ezifama.
Le ntsebenziswano inatyiselwe nakwiinkampani zabucala, ngelithi ukusebenzisana kwazo namafama kungakhulisa imeko yezimali. Iinkampani zabucala zisoloko zibonwa nje ngesisombululo kwiingxaki zezimali, ezolimo nakwezempilo ngoku njalo.
Ukusebenzisana kwamafama namaziko emfundo ephakamileyo nako kubalulwe nje ngenye yeendlela zokukhulisa nokuphuhlisa ezolimo.
Amaziko emfundo ephakamileyo afundisa izifundo zolimo, logama wona amafama asakhulayo esenza kanye ezozinto zifundiswa ngalo maziko.
Abafundi abaphuma kula maziko banganikwa ithuba elihle lokwenza zonke ezo zinto bazifunda encwadini bazibone zisenzeka phambi kwamehlo abo, itsho ingxelo.
Ukusebenzisana kukarhulumente kumanqanaba ahlukeneyo kwakunye namafama kubalulwe ngelithi impumelelo yomsebenzi wezolimo ixhomekeke kwintsebenziswano.
Ilizwekazi laseAfrika linemihlaba emininzi engasetyenziswayo, enokusetyenziswa ukwenza iinkqubo zolimo nokufuya. Ukungenelela kukarhulumente kunganceda ukuba amafama akwazi ukufumana imihlaba eyaneleyo ukuze kulinywe, kufuywe, kuveliswe ukutya.
Le ntsebenziswano ikwachazwe ukuba ingancedisa nokuguqula imithetho ethintela ukuthengiswa kwemveliso zezolimo. Mihla le amafama akhangela iindlela zokuba iimveliso zawo zithengiswe kumazwe ehlabathi, imithetho karhulumente kumele ukuba ikuncedise oku, kutsho ezingcali.
Ukuxhotyiswa ngezakhono kwamafama aqalayo yinto enokwenzaka ngenxa yentsebenziswano phakathi kukarhulumente, amafama kwakunye neenkampani zabucala.
Uninzi lezithethi kule nkomfa limemelele ukuba oorhulumente bagqagqanise inkqubo yokubuyisela umhlaba kwabo bathathelwa umhlaba, kodwa kungaphazanyiswanga inkqubo yokuvelisa ukutya.
Le nkomfa iququzelelwa yiAfrican Agricultural Council minyaka le ngeenjongo zokunika amafama, abezoshishini, izifundiswa ithuba lokuxoxa banzi ngeengxaki zolimo. UNhlanhla Nene ubesesinye sezithethi eziphambili kule nkomfa kulo nyaka
Kwilizwekazi laseAfrika lenkomfa yiyo kuphela ekwazi ukutsala abatyali zimali abasuka kwihlabathi ibarhalisela ngamathuba akwelilizwekazi leAfrika, kutshiwo.