Entsimini

Amashumi asixhenxe eminyaka kwiSSSSA

Siyabulela Mqikela|Published

Ingcali yomhlaba isenza uphando. UMFANEKISO: HappyNati

Ingcali yomhlaba isenza uphando. UMFANEKISO: HappyNati

NgoTshazimpuzi ngo1953 kwasungulwa ngokusesikweni umbutho ojongene nenzululwazi yomhlaba kweli iSoil Science Society of South Afrika (SSSSA).

UNjingalwazi Giel Laker ngomnye wabo bathe banendyweba yokukhokela lompondozihlanjiwe wokuphanda nzulu ngeendidi zomhlaba neengxaki zawo.

“Ngumbutho ovulelekileyo kuzo zonke iingcali zezazi ngomhlaba eziphuma kwihlabathi, umsebenzi wawo kukufunda, ukuphanda nzulu ngeengxaki zomhlaba,” kutsho uLaker.

ULaker ngomnye wabasunguli balo mbutho oncedisene namafama, amaziko emfundo ephakamileyo kwanoluntu olunomdla kwinzululwazi yomhlaba.

Ethetha namajelo endaba uLaker uthi esinye sezizathu zokusungulwa kwalo mbutho yaba kukuqhubela phambili ulwazi ngenzululwazi yomhlaba.

Iingcali zomhlaba zihlala zicebisa amafama rhoqo ngeendidi zomhlaba namacebo okuphucula umhlaba. Ukuphucuka komhlaba kuhlala kuphucula isivuno somlimi lowo, ngenxa yoko azuze imali ecacileyo.

“Amazantsi weAfrika yindawo enemihlaba eziindidi ezininzi lo mbutho ubusenza umsebenzi wokuhlala ucebisa, ufundisa ukhulisa amafama ngolwazi lomhlaba,” kutsho uLaker.

Uthi umhlaba wamazantsi weAfrika uwomile, ushushu ngoko uhlala unyanzelisa ukuba kwenziwe uphando ngeenguqu zawo ukuze uphuculwe.

“Kwa ukuqalwa kwawo lo mbutho usebenzisene nemibutho eyenza uphando nzulu ngomhlaba kwihlabathi efana neInternational Union of Soil Sciences,” kutsho uLaker. Uhambisa athi, kuninzi lophando labo bafumanise ukuba amazwe akumazantsi weAfrika anomhlaba obhityileyo.

Uphando ngomhlaba yinzuzo kumafama. UMFANEKISO: Piyaset

Ukwenza uphando ngqangi ngomhlaba kusoloko kubalulekile kuba kuncedisa amafama aqalayo ukuba abenolwazi ngeendidi zomhlaba abatyala kuwo.

“Umsebenzi ubusenziwa yiSSSSA kule minyaka engamashumi asixhenxe ubuncedisa amafama ukuba akhule, asoloko enolwazi oluhambelana namaxesha,” kutsho uLaker.

Ulwazi olenziwe ngulo mbutho malunga nenzululwazi yomhlaba upapashwe kwimiqulu equka iSouth African Journal of Plant and Soil.

“Umqulu wokuqala opapashwe malunga nenzululwazi yomhlaba owenziwe yiSSSSA yakhutshwa ngo1977 eyokugqibela iphume ngo2018, sinethemba lokuba bazakuqhubeka besenza umsebenzi omhle,'” kutsho uLaker.

Eminye yemisebenzi eyenziwe yiSSSSA incedise kwiinkqubo zombutho wezizwe ezimanyeneyo iFood and Agricultural Organisation ejongene nezolimo.

Kule minyaka ingamashumi asixhenxe lombutho ukwazile ukunika abafundi ithuba lokunabisa ulwazi logama ikwakhulisa amafama kwelinye icala.

Umhla wesihlanu kuDisemba ngumhla wokubhiyozela umhlaba kwihlabathi ngokubanzi.