Eli lixesha lokutyala umbona kuninzi lweendawo zelizwe loMzantsi Afrika. Umbona sesinye sezityalo esithandwa kakhulu ngamafama kuba uyathengiswa, wondla imfuyo neentsapho ngoku njalo.
Kuthwa ke umbona lo wafika apha usiza neenqanawa zabarhwebi ababekhangela indlela yokuwuthengisa nokuwutyala kweli ngeminyaka yo1800.
Ngelo xesha lokufika kombona izizwe zeli zaziphila, zityala amazimba nengqolowa kuphela kwizityalo ezizinkozo. Ukutyala umbona kudinga ulwazi nezakhono ezi zodwa ukunceda umfama ukuba aphucule ingeniso yakhe.
Khangela ke nazi izinto eziphambili onokuthi uziqwalasele xa utyala umbona, ukuze uzuze isivuno esisemgangathweni.
Ukulungiswa komhlaba
Kubaluleke kakhulu ukuba uqinisekise ukuba umhlaba otyala kuwo ulungisiwe ngokuthi uphethulwe, ukubulala amagada.
Ukulungiswa komhlaba phambi kokuba ulinywe kwenza ukuba umhlaba uvule iintunja zawo kakuhle ukuze zikhule ngaphandle kwengxaki izityalo.
Ukuphethula umhlaba wenza ukuba kungene amanzi nemitha yelanga ebangela ubushushu obufunwa zizityalo xa zifika emhlabeni.
Amafama asezilalini ayathanda ukuphethula umhlaba abe sele egibisela imbewu ngento ekuthiwa yimpama. Akukho nzuzo iqinisekisiweyo koluhlobo lokutyala, kwelinye ke icala amafama enza oku ngenxa yentswelo.
Ukugalela umgquba emhlabeni wakho mfama kukwa yinxalenye yokulungisa umhlaba wakho. Oku kwenza ukuba umhlaba umumathe izithako ezityebisa umhlaba ukuze kutyele umbona wakho.
Ukulungiswa komhlaba kwenza ukuba iingcambu zombona wakho zihle lula, ziqine ukuze zitsale amanzi lula ukukhulisa idiza lakho mfama.
Ukutyumba imbewu
Ukutyumba imbewu ozakuyisebenzisa kumhlaba wakho kubaluleke kakhulu, kuba imbewu oyityalayo uyityala ngenxa yolwazi lokuba umhlaba wakho usebenzisana kakuhle nolohlobo lembewu.
Kubaluleke ngenene ukutyumba imbewu oyaziyo ukuba yakhe yasebenza okanye yaphumelela kulo mhlaba utyala kuwo. Ukuba uyaqala ukutyala kulo mhlaba kubalulekile ukufumana ulwazi kumagosa karhulumente ngembewu efanele umhlaba wakho.
Kukho iimbewu amafama anikana zona ekuhlaleni ngokwazi imihlaba abasebenza kuyo. Ayiqinisekiswanga impumelelo yesivuno sakho mfama kolohlobo lokutyala okanye lokukhetha imbewu.
Kukho iimbewu ezithengiswa ziinkampani ezithile ezaziwayo ngokuthengisa iimbewu, ezinkampani zibaluncedo kuba zinolwazi ngemihlaba neendawo ezahlukeneyo.
Imbewu yakho mayibe yimbewu enokumelana nemozulu yalo ndawo, izinambuzana nezinye ke iimeko ojongene nazo mfama. Kodwa ukufumana icebiso kwamanye amafama nakumagosa karhulumente kusoloko kubalulekile ngamaxesha onke.
Ixesha lokutyala
Ngenxa yokutshintsha kwemozulu amaxesha okulima awasafani nakuqala, kodwa kufuneka umfama afumane ulwazi olungqalileyo malunga nelona xesha anokutyala ngalo kwindawo akuyo.
Umbona utyalwa ekuqaleni kwexesha lasehlotyeni kwiindawo ezikumbindi welizwe loMzantsi Afrika, logama iindawo ezigudle unxweme zityala ngelazo ixesha.
Umbona ukholwa kukutyalwa kumhlaba ofudumeleyo, imozulu enelanga nemvula eyaneleyo. Ixesha lasehlotyeni lixesha elinemvula kuninzi lweendawo zeli, umbona ukholwa kukutyalwa kufumile.
Umgama ophakathi kwezithole zombona wakho zibaluleke nazo nje ngexesha otyalwe ngawo umbona wakho. Umgama ofanelekileyo phakathi kwezityalo wenza ukuba izityalo zakho zifumane ilanga, umoya namanzi aneleyo.
Emva kokuba utyaliwe umbona ngexesha lasehlotyeni ulandelwa yimvula ethi ikhuthaze ukukhula kwawo. Ukufuma nobushushu belanga lasehlotyeni kwenza ukuba emva kweentsuku ezisibhozo umbona utyaliwe uphume phantsi komhlaba.
Izichumisi mhlaba
Kubaluleke kakhulu ukuba amafama afumane ulwazi olululo malunga nezichumisi ezifanele umhlaba wawo. Kaloku ukufaka isichumisi esingesiso emhlabeni kubangela umonakalo ongenakuchazwa ukutshabalalisa izithako zendalo zokutyebisa umhlaba.
Ukwenza uphando ngomhlaba wakho mfama kubaluleke kakhulu, ukuze usebenzise uhlobo lesichumiso esifanelekileyo kumhlaba wakho.
Xa utyala umbona ungasebenzisa isichumiso esiqulethe ipothaziyam, inatrojini nefosforasi. Oku kwenza ukuba umhlaba uzifumane zonke izithako ozidingayo ukuze utyebe unike isivuno.
Ukunika umhlaba izichumiso ezifanelekileyo kubangela ukutyeba kwezityalo kutsho kuphucuke isivuno sombona wakho mfama.
Yilwa izinambuzane nezifo
Umbona uhlaselwa kakhulu ziindidi zezinambuzane ezibangela ukuba ungahambeli phambili okanye unganiki sivuno esijongwe ngumfama.
Ezi zinambuzane ke zihambela nobukho bekhula entsimini yakho ngoko ke yilwa ngamandla nekhula. Ukulwa ikhula kunciphisa amathuba wokukhula kwezi zinambuzane zibangela izifo kumbona wakho.
Kaloku ikhula eli lijika libe likhaya kwizinambuzane ezitya umbona. Ikhula likwasokolisana kakhulu nokukhula kwezityalo, kuba nalo lisebenzisa ilanga, amanzi nomoya otyiwa zizityalo zakho mfama.
Akunakuzilwa ngempumelelo ke ngoko izifo kumbona wakho ungakhange uqinisekise ukuba intsimi yakho icocekile. Ezinye kwezi zinambuzane zitya umbona ngaphakathi nangaphandle esikhwebini, logama ezinye zitya idiza lombona wakho.
Ukukhetha iindidi zembewu ezilwa nezizinambuzane kubaluleke kakhulu ukuze ufumane isivuno mfama mfondini. Amagosa ezolimo kurhulumente angakucebisa ukuba ungenza ntoni ukulwa izinambuzane nezifo kumbona wakho.