Ukhozi oluty’ amatakane. UMFANEKISO: URIADNIKOV SERGEI
Abhalele uRhulumente welizwe laseSkotlani emva kokuxakana nokhozi olunomsila omhlophe oluthe gqolo ukutya amatakane weegusha amafama kwiindawo ezahlukeneyo zelalizwe.
Ingxelo yala mafama ithi oluhlobo lokhozi lakhe latshatyalaliswa nguRhulumente wela lizwe ngaphambili ngenxa yomonakalo eliwenza kumatakane.
Ukufa kwamatakane womhlambi kumfama kuthetha ukuba lo mfama akanakuba nazo iigusha zokukhulisa nokugcina ishishini lakhe.
Le ngxelo ihambisa ithi amafama axhatshazwa loluhlobo lokhozi ngalawo akwiindawo ezikufutshane nolwandle. Olu khozi likwathanda inyama yentlanzi xa lingafumani amatakane egusha, kuthwa awebhokhwe asindiswa kukukhala.
Kukho isoyikiso sokuba lamafama azakuyeka ukufuya iigusha okanye azakushiya iifama zawo ngenxa yoluhlobo lokhozi.
Olu khozi lahluke ngokuba linomsila omhlophe kunamanye amakhozi aziwayo kwiindawo ezikufutshane namahlathi okanye amawa.
Amafama aphuma kumbutho iScottish Blackface Sheep Breeders Association neNational Sheep Association abhale incwadi edibeneyo ebongoza uRhulumente ukuba angenelele.
Le ncwadi ayithethi nje ngokulahlekelwa ngamatakane atyiwa lolukhozi, koko amafama akwabhentsisa ilahleko yawo yezi mali ngenxa yale meko. La mafama athi ahlukumezekile ngenxa yokutyelwa amatakane loluhlobo lokhozi.
Amafama wegusha eSkotlani alahlekelwa linani elininzi lamatakane ngenxa yolukhozi lingenalusini. Kuthwa liwalinda abenentsukwana ezelwe lize liqalise ukuwabulala liwatye.
Maxa wambi libhabha nawo liyokuwatyela ezintabeni ekungena kufikelela mntu kuzo. La mafama abongoza uRhulumente welalizwe ukuba athabathe amanyathelo angxamileyo ukuzama ukukhusela iigusha namatakane wawo kolukhozi.
Igusha esandula kuzala nayo ibaluxhoba kolukhozi kuba ingekakwazi kuhamba kakuhle okanye ukuzilwela. Kuthwa kudala lakhe lahlasela amafama kwilizwe laseNgilane laza latshatyalaliswa kwelalizwe olukhozi.
Iingcali zembali yendalo eSkotlani zithi lakhe labonwa olukhozi ngeminyaka yo1970 laza latshatyalaliswa, kodwa libuye labonwa kwakho ngo2007.
Kuthwa zilikhulu namashumi amathathu ezintaka kwilizwe laseSkotlani, kwaye kulindeleke ukuba likhule inani lawo ngo2040.
Amafama waseMount Fletcher kweli leMpuma Koloni akhe anayo ingxaki eloluhlobo ngo2018. La mafama eMpuma Koloni ayekhala ngohlobo lokhozi olunamandla okuthatha neegusha iyokuyityela ezintabeni.