Abasebenzi basefama kumva weloli. IMIFANEKISO: Ayanda Ndamane/African News Agency (ANA)
Inyanga yeDwarha yinyanga yezothutho eMzantsi Afrika, ezothutho yingxaki ephambili kubasebenzi basezifama zeli. Nangona zikho iifama ezikhupha iimoto okanye iiloli zokuthutha abasebenzi bazo, kodwa uninzi azikwenzi oko, abasebenzi bayazibonela indlela yokuhamba. Mide kakhulu imigama ehanjwa ngabasebenzi basezifama ukusuka emakhayeni abo ukuya efama, nokubuya ngokunjalo.
Kumele ukuba luxanduva lomqeshi ngamnye ukuqinisekisa ukuba abasebenzi bakhe banendlela yokuya nokubuya emsebenzini. Oku kuhambiselana ngqo neemeko zokhuseleko nempilo yabasebenzi basefama. Abasebenzi abaphilileyo benza umsebenzi oncomekayo, akukho bani udiniweyo unokusebenza into eyiyo.
Zikho zininzi iziganeko zokulimala kwabo ezindleleni ngenxa yemigama emide abayihambayo. Bambi bophukelwa yimpilo ngenxa yokuhamba imigama emide ngokungaqhelekanga.
Kumaphondo anamaqondo aphezulu obushushu afana neLimpopo noMntla Koloni abasebenzi basezifama babhubhela endleleni ngenxa yelanga.
Bahamba lemigama maxa wambi belambile, okanye benganxibanga zimpahla zikhusela imizimba yabo kwimozulu ezimbi. Ukhuseleko labasebenzi basezifama lubaluleke nje ngokhuseleko lakhe wonke ubani kweli loMzantsi Afrika.
Ngabo abasebenza nzima emasimini imini yonke bevelisa ukutya okuthi kamva kuphelele ezipleyitini zengcungcu eziqulunqa imithetho.
Maxa wambi abasebenzi basezifama bafunyanwa yimvula besendleleni, bambi bahlaselwa zizilo zasendle kwezondlela.
Oku kuhamba le migama kwenziwa kukuba kwezinye iifama abavumelekanga ukuba bahlale okanye bahlale neentsapho zabo, ngoko bakhetha ukubuyela kwiintsapho zabo kunokuhlala efama.
Bakwathwele ixanduva lokuqinisekisa ukuba emakhayeni abo izinto zihamba kakuhle, ukhuseleko losapho, ukutya nezinye iingxaki zekhaya zijonge kubo.
Basoloko besebenzela ukuba bafike ngexesha kwindawo abasebenza kuzo ukuze ubuhlobo babo nabaqeshi buhlale bubuhle.
Nangona kukho abasebenzi abaphila le ntlungu yokuhamba imigama emide, akho amafama abakhathalelayo abasebenzi ngokubanzika iiloli okanye iibhaki zokubahambisa.
Ingxaki ephambili ngokuhanjiswa kwabasebenzi ngamafama zimeko zenqwelo ezibathuthayo. Ezi nqwelo zihamba zingavalekanga, lo nto yenze ukuba bazibone bengamaxhoba omoya, ilanga nemvula abasebenzi.
Ngenxa yeemeko zase zifama akululanga ukuba bahambe kooGqirha ukunyanga izigulo abadibana nazo, bagula baphinde baphile besebenza.
Oku kuthetha ukuba kumalungelo wabasebenzi, ngoku kodwa amalungelo abasebenzi basezifama umcimbi wokuthuthwa kwabo kufuneka uthathelwe ingqalelo.