Ugandaganda etsala inqwelo esinge emasimini.
Ukunyuka kwamafutha okwenzeka rhoqo kweli kubangela ukuba kubenzima kumafama ukwenza umsebenzi wawo wokuvelisa ukutya ngolima nokufuya.
Kaloku amafama asebenzisa iinqwelo ezindidi ngendidi ukwenza umsebenzi wasefama. Ukunyuka kwamafutha ke kwenza ukuba lamafama angene ngamandla ezipokothweni ethenga amafutha.
Ukungena ngamandla ezipokothweni kwenza ukuba ezinye iinkqubo zokulima nokufuya zingakwazi kuqhubeka. Le nyanga yoMsintsi yinyanga apho kubekho ukunyuka kwexabiso lamafutha aquka idizili kwakunye nepetrol.
UFrank Blackmore wakwa KPMG oyingcali yezimali uthi ngenene zikho kwaye zicacile iimpawu zokuba lizakunyuka ixabiso lamafutha eMzantsi Afrika.
“Kungenzeka ukuba elixabiso linyuse ipetrol ngeesenti ezingamashumi asibhozo, logama idizili izakunyuka ngerandi neesenti ezilishumi,” kutsho uBlackmore.
Ukuhla kweqondo lenzala yerandi namaxabiso amafutha kwihlabathi kuko okubangela ukunyuka kwexabiso lamafathu, itsho ingxelo.
“Oku kuzakubetha ngamandla abo basebenzisa idizili, kuba yiyo ezakunyuka ngamandla kwaye isetyenziswa kakhulu ukuvelisa ukutya nokuhambisa iimveliso zolimo,” kutsho uBlackmore.
Oku kunyukwa kwamaxabiso wamafutha kwenzeka logama ilizwe loMzantsi Afrika nezoshishino kweli kujongene nengxaki yokucima kombane.
“Ukucima kombane kudibene nokunyuka kwamaxabiso amafutha kuzakubangela uxinzelelo olumandla kwinkqubo yokuveliswa kokutya,” ucacisa atsho uBlackmore.
UBrina Biggs ongumlawuli oyintloko kwa1Life Insurance ubongoza uluntu loMzantsi Afrika ukuba luqinise ukubopha ibhanti. “Lixesha lokuba uluntu leli lizame ukonga imali, liqinise ibhanti lukhangele indlela ekwenziwa ngayo inkcitho, imali mayichithwe kwizinto ezibalulekileyo kwintlalo yasekhayeni,” kutsho uBiggs.
Amafama ngawo avelisa ukutya ngokulima, ukunyuka kwamaxabiso amafutha kuzakunyanzela amafama ukuba anyuse amaxabiso okutya akuvelisayo.
Oko kuzakubetha ngaphandla kwamathandabuzo umthengo oxhomekeke ngamandla ekuthengeni ukutya. Ukuzivelisela ukutya kokona kubalulekileyo kumaxesha anzima nje ngala.
UBiggs uthi ngenene kumele ukuba abathengi baqinisekise ukonga imali ngokuthi bathenge kuphela izinto ezifuneka ngenene empilweni.
“Utshintsho lungakhona kwimeko yezimali kweli, kodwa ezo mpawu zakubonakala kuphela kunyaka ozayo u2024, ngoko ke abathengi mabafunde ukonga ngamaxesha onke,” utsho uBiggs.
Ngaphandle kokuchatshazelwa ngamaxabiso amafutha amafama akwachatshazelwa ngamaxabiso ezichumiso zomhlaba, isondlo semfuyo, imililo yamadlelo nezinye iingxaki. Ukusebenzisa iTekinoloji ingayenye indlela yokuphungula iingxaki zokuthenga amafutha axabiso liphezulu.