UBoitshepo Khunou umfama osemncinci.
UBoitshepho Khunou (22) waseRustenburg uqhayisa ngokuba ngenene ungumfama nangona esekwixabiso lokonwaba noontanga bakhe. Kwilali yaseLuka eRustenburg uKhunou wenza umsebenzi wokufuya iihagu athi azithengise kamva.
“Ndifunde izifundo zenzululwazi yezimali kwezolimo, ngoku ndenza lomsebenzi kwifama egama layo liyiBless Piggery efuye iihagu,” kutsho uKhunou. Uthi ukulima nokufuya yinto akhule ngayo kowabo, kwaye oku kumncedile ukuba akhule kwezolimo nokufuya. Umsebenzi wakhe wokuvelisa iihagu uphantsi kombutho wamafama aseBokone iBafokeng Farmers Union.
“Ndiqale ngonyaka ka2020 ukufuya iihagu, nanje ngomntu okhulele kwikhaya ebelifuya, andikhange ndibenengxaki ukuqalisa ukufuya iihagu,” kutsho uKhunou.
Phakathi kwezinto ezimkhuthazileyo kwezolimo nokufuya zimfundiso zikayise obekwa ngumfama naye. “Undifundise ukusebenza ukuze ndivelise ukutya, ukufuya iihagu, iinkomo nokutyala ukutya emasimini zezona zinto beziphambili kweli khaya,” kutsho uKhunou.
Uncoma iimfundiso zikayise ukuba zizo ezabangela ukuba ukhule umdla wakhe kwezolimo nokufuya. “Kwizifundo zam ndifunde banzi ngegalelo lezolimo kwimeko yezimali yelizwe, ngoko nam ndizimisele ukwenza elam igalelo,” kuthetha uKhunou.
Ukukhula nokuzinza kwakhe kumsebenzi wokufuya iihagu kukhuthazwe lulwazi alufumene ngethuba esenza uphando ngqangi ngokufuya iihagu. “Uphando ngqangi endilenze ngokufuya iihagu undikrobise kwizikhewu ezikhoyo kwimeko yezoqoqosho kweli, ngenxa yoko ndatsho ndanomdla omkhulu wokufuya iihagu,” utsho uKhunou. Abaninzi ingakumbi ulutsha aliboni kamva kwezolimo ngoku kodwa ekufuyeni iihagu ngenxa yezizathu ezithile.
“Kulutsha olunqwenela ukungena kwezolimo ingakumbi ukufuya kukuba benze uphando ngqangi ngako konke abanqwenela ukuchitha ixesha labo nemali yabo kuyo,” kutsho uKhunou.
Uninzi labafundi abaphuma kwiYunivesithi zeli, ingakumbi abo bafunde izifundo zenzululwazi yezolimo baqalisa amashishini abo. “Ukufuna ulwazi kubalulekile, ngoko ke wonke ubani makafune ulwazi ukuze axhobe ngolwazi olufanelekileyo,” kutsho uKhunou. Ukhuthaza ukuba ulutsha lufunde ukuba nomonde ukuze liphumelele kwezolimo.
“Ukuba nomonde yeyona nto ibalulekileyo kwezolimo, kufuneka wazi ukuba iziphumo zale nto uyifunayo uzakuzifumana xa ixesha lifikile,” utsho uKhunou.
Ukwakhuthaza ukusebenzisana phakathi kwamafama ukuze akhule kumsebenzi wawo wokulima nokufuya. “Kufuneka sifunde ukusebenzisana namanye amafama, ukuba kunokwenzeka kufuneka sisungule oKopolotyeni,” kutsho uKhunou.
Lo mfama usemncinci uthengisa iihagu eziphilayo kwakunye nenyama yehagu ngoku njalo. Inyama yehagu okanye ukufuya iihagu eziphilayo kokona kungenisa imali ecacileyo kumfama ngaphezu kweegusha neebhokhwe.